UZwelonke kumsitho wokubekwa kwenkosi uNdondo eZimbabwe

IKUMKANI yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu uthi ukumenywa kwakhe kumsitho wokubekwa kwenkosi yamaXhosa aseZimbabwe, kungumfuziselo wokuba unxibelelwano lwezinyanya zamaXhosa phakathi kwala mazwe mabini luluqilima.

USigcawu uzakuba yinxalenye yomsitho wokubekwa kukaNkosi Dumisani Ndondo kwiKomkhulu iNgxingweni eMbembesi kwiphondo iMatabeleland eZimbabwe ngomhla wesithandathu kweyeDwarha.

UNkosi Dumisani ngunyana wenkosi ekhothamileyo uNkosi Michael Ndondo.

USigcawu uthi uchulumance kakhulu kukumenywa kulo msitho. “Ndivuya kakhulu kuba kaloku ngamaXhosa akuthi la ndiya kuwo. Amasiko abo ngawesiXhosa nje ngathi, futhi banonxibelelwano nathi.

“AmaXhosa aseZimbabwe, aneengcambu ezilapha eMpuma Koloni kuba kaloku bafuduke apha ukuya kwela lizwe ngeminyaka yoo1800,” utshilo uSigcawu.

Noxa nje engadizanga ukuba uNdondo uzakombathiswa ngubani, uSigcawu uthe akanangxaki yokwambathisa le nkosi. “Lelinye ilizwe eliya, ngoko ke mhlawumbi baqhuba ngenye indlela xa bebeka iinkosi. Kodwa ukuba kuthiwa mandimombathise, ndiza kuyenza lo nto,” itsho ikumkani.

Ngokwesiko, inkosi xa ibekwa kufuneka yombathiswe umnweba yiKumkani yayo. AmaXhosa aseZimbabwe akanayo iKumkani yawo kwela lizwe ngaphandle kukaZwelonke Sigcawu.

USigcawu uthi uzakumphathela izipho uNdondo ukubonakalisa ukuba uyathandwa eMpuma Koloni.

IKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana linonxibelelwano namaXhosa aseZimbabwe. Ngonyaka ka2011, uSigcawu wachithela iKrismesi eZimbabwe nala maXhosa. Iqela lebhola ekhatywayo lamaXhosa aseZimbabwe, likhe latyelela eNqadu ukuza kuthabatha inxaxheba kwitumente eyenziwa nguSigcawu.