Vala umlomo, uxhaphaze amanina?

Yiba nomfanekiso-ngqondweni wendoda enkula amanina ithethe kumcimbi wokhuseleko loomama.

Ingaba oku kufanelekile okanye ubukho balo ndladiya ingaba kukuthunuka izilonda zamanina? Impendulo elula ingangu “hayi! hayi! angakhe alinge asondele!” Kodwa ukuba sihlala phantsi siyicinge nzulu le, sakufumanisa ukuba lithuba eli.

Lithuba lokuba amanina ahlale phantsi nendoda eyaziwayo ukuba iyawabetha amanina; ayibuze imibuzo enzima yokuba yakhula phi? Yakhuliswa ngubani? Njani?

Oku sikucingiswa kukuphoswa lithuba lokuncokola nowayesakuba nguSekela Mphathiswa wezeMfundo, uMduduzi Manana, obefumene isimemo sokuba yinxalenye yale nkqubo yeShevolution sibhale ngayo kwiphepha lokuqala kweli uliphetheyo.

Amatshantliziyo amalungelo amanina asigxeke kanobom esi simemo. Kwiphepha leveki ephelileyo, omnye wababhali bethu uphakamise umba wokuba ukulwa ukuxhatshazwa kwamanina ngamadoda yinto ekufuneka ishukuxwe ngamadoda namanye amadoda.

Le yokuba singxamele ukuba umntu makagxothwe apho aphangela khona xa ebethe umntu wasetyhini ayizokusinceda. Iza kusishiya nabantu abanenzondo egqithisileyo kumanina. Ubuchule balo mba unqabe kakhulu kwiincoko zakutshanje. Ubuchule bokuthetha nokuvisisana yinto enqabe okwezinyo lenkukhu kwezi iintsuku.

Asimamelani, asikwazi nokubona ukuba umntu unengxaki ngoba sijonge nje ukohlwaya nokuvakalisa ukuba sinomsindo ngento ethile. Athule ke yena umenzi wobubi.

Singaze simazi ukuba uqhutywa yintoni. Abe ke phofu eqhubeka ngokuxhaphaza amanina. Sibhala nje, uMhlohli wezobuNjineli kwiYunivesithi yaseKapa usemngciphekweni wokugxothwa kuba ebhale izimvo zakhe ngendlela awabona ngayo amanina. Izimvo zakhe zibonakalise umntu owacaphukelayo amanina kwaye noneengxaki ezinzulu ongade adlwengule nomntwana wakhe. Kodwa khange ihoywe yonke lo nto. Kusuke kwaqhuma umsindo noo “makagxothwe!”

Xa sisenza njalo akuncedakali mntu, asilungisi nto. Ngoku nenye indoda iza kuthula ithi tu, ingayivezi ingxaki enayo, iqhube isenza ububi kumanina. Thina sothuke, sibe nomsindo, sikhwaze oo “makagxothwe!”

Ingathi ngesithatha ixesha lokumamelana nokuncedana. Ingxaki ikhona.