Vela Bahleke

Ndiyayazi into yokuba sinamatyala phantse sonke apha elizweni, xa ndithi amatyala andithethi ngamatyala okuba okanye okubetha izinto ezinjalo, hayi.

Mna ndithetha amatyala okuboleka imali eBhankini okanye kooMatshonisa, ukwenza amatyala empahla okanye emoto okanye indlu, izinto ezinjalo.

Ndiyayazi kananjalo into yokuba xa ndisithi ndeva ngeempukane eziluhlaza ukuba ngoku benza umatshini oza kukwazi ukuthatha umfanekiso womntu othatha ityala kuloo ndawo athatha kulo ityala, ze loo mfanekiso woyanyiswe ngokungabonakaliyo kwisakhiwo eso sendawo ubani lowo enze ityala khona ukuze xa engasabhatali kushukunyiswe umfanekiso lowo wakhe ukuze xa edlula ngakhona ukhale loo matshini ukuze abanjwe, abuzwe ukuba kutheni engasabhatali ityala lakhe nje.

Xa nditshoyo ke ndicebisa ukuba niqalise kwangoku ukuzicenga nibhatale amatyala enu ningaziboni sele nikwezo ntloni zinjalo okanye nifane nalo mfo ndifika ngenye imini ebethwa ngumntu ekucaca ukuba bayazana ngandlela ithile. Ungandibuzi nje ukuba umbethelani?

Mandikuxelele phofu kuba uhleli uza kundibuza, umbethela ukutyeba kwakhe de abe nomkhaba neempundu egcwele nezidlele.

Ndikhwankqiswe yile mpendulo ndibuze ukuba yintoni embi apho suka lo mfo wandijamela esithi “LO MFO UTYEBA NJANI ENDIKWELITA IMALI ENGAKA?”

Hayi nam ndavele ndathi cwishi kuba andingeni ndawo xa kucaca ukuba umntu akanakutyeba xa enetyala lomnye umntu. Kanti ke abanye abantu abanamatyala abacengi ndolalaphi.

Omnye umfo utsalelwa umnxeba ngumntu amkwelita imali ambuze ukuba “MFONDINI UYAYIQONDA NJE INTO YOKUBA NAMHLANJE ITYALA LAKHO KUM LIGQIBA UNYAKA?” ucinga ukuba wabethelwa luvalo kuba wavele wathi “YHO! BENDINGAYAZI LOO NTO ENKOSI NGOKUNDIKHUMBUZA, UYAWUSELE USITHI APHO KULOO MINI EMNANDI YOMHLA WOKUZALWA KALO.”