Vela Bahleke

Phakathi kwezinto ezithandwa ngu-Vela Bahleke kukuncokola nabantu abadala, ndikhe ndandwendwela phaya eMthatha kwelinye laloo makhaya, ndlela le kwakumnandi ngayo kwakunga ndingangahambi.

Ingulowo endibalisela elakhe ibali, ngapha kanti nomnye ufuna ukundibalisela elakhe ngokungathi ngabantwana bexhwithana ngam, nditsho ndifune ukuyingqina laa nto ndakhe ndayiva yokuba umntu ukhula akhule afikelele kwinqanaba lokubuya umva abe ngumntwana indlela acinga nenza ngayo izinto.

Le nto ndiyikhunjuzwa ngomnye umakhulu endidibene naye kwenye yezi venkile zithengisa amayeza, ufika sifolile apha acele ukungena phambili esithi uyaqaqanjelwa kukuma ndawonye. Ngokwenene simvumele, uyathetha ke umakhulu lo, intokazi indwebile.

Undihlekisa xa esithi uThixo lo wayenentlonti xa athi “BEKA UYIHLO NONYOKO UKUZE YOLULWE IMIHLA YAKHO EMHLABENI” – uthi xa enaba, ngoku le minyaka iyabasokolisa kuba kufuneka babe becela le naleya bengasakwazi ukuzenzela.

Uthi nale mpilo bayiphilayo ngoku njengokuba sele bebadala nje iyathengwa kuba namhlanje ugula yile ngomso agule yileyaa. Tyhini xa ndiyiva kakuhle le nto, unyanisile umakhulukodwa ke akutshongo mna ningandilandeli ngeemfonomfono nisithi ayikho le nto ndiyithethayo.

Ndiyaboyika abantu balapha eMzantsi Afrika kuba akukho nto bangayilandeleliyo, nokuba umntu uyathimla, “Ngubani lowo uthimlayo, ethimla xa bekutheni?” – into endigqibayo ke ngoku lo makhulu xa egqiba ukuhoywa phaya ngaphambili ubuya uthi kuthi “Niyabona ukuba kumnandi ukuguga kuba nikholelwa yonke into le siyithethayo kuba kwathiwa beka uyihlo nonyoko?”