Virtual Teacher: Ugalelekile Utitshala Womnatha

UVuyani Jarana noThemba Kojana, eWB Rubusana, eMdantsane IMIFANEKISO: Siyanda Jantjies

SiseW.B. Rubusana, eMdantsane, nalapho igumbi ligcwele qhu ngabafundi ebebehleli kwiklasi enye eqhutyelwa kumagumbi amathathu, kwiilokishi ezintathu, ngutitshala omnye ngexesha elinye.

EMaluti, eLusikisiki, kwaBhaca naseMdantsane abafundi bebethe nta amehlo bebaze iindlebe kutitshala omnye ebenzisa izibalo kumabonakude omkhulu abakwazi ukuthetha nawo babuze imibuzo; naye utitshala abuze abafundi imibuzo kuzo zone ezi ndawo.

Umlawuli-jikelele wezemfundo eMpuma Koloni, uThemba Kojana, ukhawuleze wawukhawulela umbuzo othi: ingaba olu hlobo lobuchwepheshe bakuthatha imisebenzi yootitshala na ngokungenelela? uthe “Hayi, le ‘virtual teacher’ ayonto izakuthatha indawo katitshala koko ke yinto apha ezakuncedisana naye. Ingakumbi kwiiklasi ezongezekileyo naphakathi emini.”

iVirtual Teacher okanye utitshala womnatha liqonga apho kukho ikhamera, umnatha wonxibelelwano, imakrofoni nomabonakude okanye ifowuni ozakuthi uveze le iqhubeke kwelinye icala.

Kanti kwelinye icala kukhethwe abona titshala batshotsha entla ephondweni ukuba bakhwebule iintambo babengabatitshala bomnatha abazakuthi bafundise kumagumbi amaninzi ngaxeshanye.

“Kufuneka kufikelele imfundo elinganayo kubantu bonke. Sithe xa sijonga singuVodacom sabona ukuthi apha eMzantsi Afrika naseAfrika ngokubanzi ngenxa yokunqongophala kwezixhobo zokufundisa; amathala eencwadi, amaziko obuchwepheshe benzululwazi, ootitshala abakwazi ukufundisa izibalo nobuchwepheshe benzululwazi bambalwa. Ngakumbi pha ezilalini.

“Sathi ke masisebenzise ubuchwepheshe bethu ukuze sikwazi ukuthatha utitshala onamava, athi ehleli apha eMdantsane akwazi ukufundisa abantwana abaseMaluti, Mt Frere, naseLusikisiki ngexesha elinye. Sibonisa amandla oqhakamshelwano lwanamhlanje.

“Sikwazi ukuvala esasikhewu sokuba xa usezilalini wena ufumane imfundo ebuhleleleka kuba kunqongophele ootitshala abanamava!” utshilo uVuyani Jarana wezoshishino kwaVodacom osebenzisana nesebe lezemfundo ukuzisa lo titshala womnatha ezikolweni.