Wabadlwengula uMfundisi, ebosulela ngeHIV!

 

OnguMfundisi nokwaliXhwele uLubabalo “Payi” Sabhawu, 29, uza kuchitha ubomi entolongweni emva kokuba inkundla yengingqi yamatyala yaseXhorha imfumanise enamatyala okudlwengula iintwazana ezintathu neziselula ngokweminyaka ezaziyokunyangwa nguye.

Esi senzo uSabhawu wasenza ngo2018 kumaxhoba amathathu angamantombazana, ana14, 15 kwakunye nona17 eminyaka ubudala. Amaxhoba ayethunyelwe ngabazali babo ukuba anyangwe. Elinye kuwo lalinesifo sokuxhuzula. Oku kwenzeka kwikhaya elalihlala lo Mfundisi okwethutyana kwilali iZikolota eXhorha.

Umfundisi okwalixhwele, uLubabalo Payi Sabhawu, ugwetyiwe ngamatyala odlwengulo

USabhawu, ungowenye ilali kule yaseZikolota, wahlaliswa libandla kuba esithi uzokwenza imimangaliso, aphilise uluntu.

Emva kokuba lo Mfundisi ephindaphinde la maxhoba ewadlwengula, wawagrogrisa ngelithi angaxeleli bantu, ukuba axelile, uya kuwabethisa ngezulu. Amaxhoba nawo akholelwa ngokutshiwo nguMfundisi wawo, atya tyum ngokwenzeka kuwo.

Ezi zimanga zalo Mfundisi ebezenza ebantwaneni zavela mhla abantwana babanezifo zangaphantsi, ze abazali babo babasa esibhedlele nekulapho kwavela ukuba bebedlwengulwa.

Othethela iNPA kwingingqi yaseMthatha uLuxolo Tyali, uthi emva kokubanjwa kwakhe uSabhawu zange afumane bheyile, kwaye wathi yena akanalo ityala.

UMtshutshisi uSiphokazi Maarman-Fipaza kubungqina abubeke etafileni, baveza ukuba amaxhoba emva kokwenza uvavanyo kuba babedlwenguliwe zaphuma iziphumo bosuleleke yintsholongwane yeHIV.

UMantyi uSizakele Sihlahla, uthi uSabhawu usebenzise gwenxa isikhundla sakhe kula maxhoba naselula.

“Baxhatshazwe nguMfundisi wabo, umntu abamthembileyo abacinga bakhuselekile xa benaye. Oku akusoze kwamkeleke kwezi iinkundla,” utshilo uSihlahla.

Inkundla iyalele ukuba igama likaSabhawu libe kuluhlu lwamagama aphatha gadalala ngezesondo, emva kokumgweba izihlandlo ezithathu zobomi ejele.