Wabalekela kwiNkundla kaMantyi eleqwa ngabahlali!

WATHI emva kokuba ebanjwe ligquba labantu kulandela ukuthatha ngokungekho semthethweni ikhadi lebhanki lexhego laseXhorha, wabalekela kwiNkundla kaMantyi wale dolophu, kanti kulapho aza kugwetyelwa khona.

IGunyabantu lezoTshutshiso likholelwa ukuba ukugwetywa kukaSikelela Bhanya (32) ngamatyala okubhunyula imali zabantu esebenzisa amakhadi wabo, iyakuba sisithintelo nakwabanye abasacinga ukwenza oku.

Ngomhla we19 kweyeDwarha ngo2016, ngaserenkini yedolophu yaseXhorha, uBhanya wacela ukunceda uPati Sunduza (65) ngekhadi lakhe kumatshini wokukhupha imali (ATM).

Emva kokuba eqaphele oku, uSunduza wahlaba umkhosi, beza abantu, kodwa wabalekela kwimoto ekufuphi, kodwa ngenxa yokubona ingqumbo yabahlali, le moto yamshiya ngemva uBhanya.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso kwingingqi yaseMthatha, uLuxolo Tyali, uthi emva kokuleqwa ngabahlali, uBhanya wabalekela kwiNkundla kaMantyi waseXhorha.

“Amapolisa amhlangula kuloo ngqumbo yabahlali, emva koko ambamba, nalapho afika enenqwaba yamakhadi, awayequka elikaSunduza kwanelika Noamen Nyamakhulu owayethathelwe ikhadi kuCofimvaba,” utshilo uTyali.

Iingxelo zithi uNyamakhulu waphulukana nemali engama-R2 500 eyakhutshwa kwibhanki yakhe ngethuba ikhadi lalikuBhanya.

Umcuphi weli tyala, uWarrant Officer Mzolisi Mbiza, waxelela inkundla ngethuba lokuxoxwa kwetyala ukuba uBhanya wafunyanwa enamakhadi aliqela.

Efuna esona sigwebo siqatha, umtshutshisi wetyala uGcinusapho Busakwe uveze ubungqina bengxelo yeziko iSouth African Banking Risk Information Centre, eveze ukuba phakathi kweyoKwindla 2017 ukuza kuTshazimpuzi 2018, iibhanki ziphulukene namakhulu amabini ezigidi zeerandi (R200 million) ngenxa yamatyala afana neli likaBhanya.