KAPA: Kuthathe isithuba esingangenyanga phambi kokuba ithethe elubala ngesiganeko sokuqhekezwa inkunkuthwa ngomgqala inkosikazi kaBhishophu othile eLower Crossroad eKapa.
UNosiphiwo Mgu, 29, uthi kwisithuba seminyaka emithathu edlulileyo wazimanya ngeqhina lomtshato noBhishop Lwandiso Sityana webandla iHis Grace Community Church.
Le nkosikazi ithathe inyathelo lokuxhoma kuFacebook umfanekiso wayo olijaja ligazi ngelithi ufuna ukuhlaza le Bhishophu ibonwe nanguthathatha ukuba ayilunganga yaye ayinantloni ukuphakamisa isandla kumntu ongumama ze yakugqiba ibenesibindi sokuma phambi kwebandla layo nakwamanye amabandla ishumayele ilizwi likaThixo.
UMgu uxelele I’solezwe ngempatho gadalala ayifumene kumyeni wakhe.
I’solezwe: Kwenzeke ntoni wangundabamlonyeni kwikhasi likaFacebook?
Nosiphiwo: Le nto kungona ndiyithethayo ngoku ebantwini indehlele kweyeNkanga kunyaka ophelileyo nangona bebekhona abantu ebebesazi ukuba ndawunikela umva umtshato wam kodwa baqhuba ukundibiza Lady B nanjengoko umyeni wam ingumntu owaziwayo uyiBhishop kwibandla iHis Grace Community Church. Ukubethwa kwanokungaboni ngasonye nomyeni wam kubangele ndiwushiye umzi wam.
I’solezwe: Yintoni intsusa yokuba umyeni wakho akubethe ngomgqala?
Nosiphiwo: Wakrexeza umyeni wam sukela oko sangena emtshatweni yaye xa ndithe ndambhaqa ethandana ebendibethela ukundibulala. Abantu babendibuza ukuba ndingene njani kulo mtshato kuba uyawathanda amantombi yaye mna ndafumanisa sele ndiphakathi kulo mtshato ukuba ndingumfazi wesithathu, phofu ukutshata kwethu ndaquma ihlazo kuba ikhona intombi eyayikhulelwe umntwana wakhe, ndithetha nje unabantwana ababini koomama abohlukeneyo. Noba besixabene kangakanani ndithwale iimpahla ndihambe ebenganalo ixesha lam, ibindim ophinda amcenge kwakho kuba ndimthanda ndifuna ukubuyela emzini wam. Ebendixelela ukuba onke la mantombi zizihlobo zakhe kodwa ndibe ndiyibona imiyalezo ukuba yeyabantu abathandanayo, yaye ebesitsho ukuba akandifuni nokuba singohlukana lo nto iza kuthethwa iintsuku ezisixhenxe iphele de wazekelisa ngezityholo ezilandela uTim Omotoso. Kunjalo nje kwinto ibisenzeka bendizinikele kuye ngenxa yamazwi ebedla ngokuwathetha athi andisoze ndibento ngaphandle kwakhe. Ebendixelela mhlophe ukuba wandenzela nje inceba ukunditshata kuba ndiyinkedama kuba wayeka amantombi anezinto weza kum ndiyimpula kalujaca. Imali yam ibihlala kuye enze iimfuno zeCawa ngayo.
I’solezwe: Yintoni ebangele ukuba ulicime ityala sele ulivulile kwisikhululo samapolisa?
Nosiphiwo: Kusuku olulandelayo emva kwesiganeko ndaya kuvula ityala kwisikhululo samapolisa ePhilippi East. Ndahamba namapolisa ukuya apho umyeni wam ahlala khona, safika elungiselela ukuya enkonzweni enxibe ikhola yobufundisi nangaqhelanga ukuyinxiba rhoqo. Abakwantsasana bamcela ukuba angene kwisithuthi samapolisa ze wathi uza kulandela ngemoto yakhe, ngenene wafika. Sadityaniswa nepolisa ndazityanda igila malunga nokubethwa kwam nguSityana. Eli polisa ladiza ukuba le meko ingalungiseka kumele sithethane nomyeni wam angade aye kuvalelwa. Ndavuma phambi kweli polisa ukuba ndisamthanda umyeni wam kodwa indlela enze ngayo indidanisile kuba undonzakalisile yaye khange andihoye ndilele esibhedlele. Ukuze ndicime ityala ipolisa esasithetha nalo lathi kumyeni wam angakwazi ukundibambisa naye kuba ndonakalise imoto yakhe, kulapho ndaqonda ukuba andinalo ixesha lokuquqa kwiinkundla zamatyala.
Le yenye yeentetha ezithe zaqhubeka emva kokuba uNosiphiwo Mgu wafaka umfanekiso wakhe kuFacebook.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF