Wabethwa ngootitshala bembiza ixoki

Umama womfundi oyintombazana oneminyaka elithoba ubudala, nowabethwa wonzakala esikolweni afunda kuso iMqabo P.S, epakanyelwe ngootitshalakazi bakhe abathathu, uthi okusamenza angaxoli ngesi sehlo kukuba ngeyayingazange ithathelwe ngqalelo ingxaki yokubethwa komntwana wakhe yinqununu yesikolo ukuba yayingazange iye kwabomthetho nakoonondaba.

“Okundibangela ndithethe kanje kukuba inqununu yesikolo ayizange indihoye ndiye esikolweni ndihamba neLungu leBhodi yeSikolo (SGB), yathi ileqa edolophini iyokwenza izinto engakhange izenze ngezolo. Izondibiza ngoLwesithathu emva kweentsuku umntwana onzakele kuba esiva ukuba le nto iya ezinkundleni kwaye kungenelele nabeSebe lezeMfundo. Ndibulela ungenelelo lweSebe,” utshilo umzali womntwana.

Le ntwanzana (9) eyenza uGrade 3 eMqabo P.S kwiilali zaseZadungeni eNgcobo yapakanyelwa ngaba titshalakazi esikolweni ngoLwesihlanu wokugqibela kwinyanga ephelileyo, bembethela kuba besithi “ulixoki”. Umzali uthi zathi ezi titshala zimbethela ukuba wadumisa esikolweni ukuba enye yeetitshalakazi uyibhaqe iphuzana nomnye wootitshala. Umzali uthi ngethuba ebizwe ngaba titshalakazi kwaye eyokusabela kuba umntwana ebuya ebhonti yimivumbo emzimbeni, bamxelela ukuba umntwana akaqali ukuxoka, lixoki kwesi sikolo.

Umzali uthi umntwana wasiwa lusapho lwakhe kwagqirha, isikolo zange sizidine.

Umntwana ubuyele esikolweni emva kokuba iSebe lezeMfundo lingenelele kule ngxaki kwaye lathembisa ukuba uza kukhuseleka. Umzali womntwana uthi umntwana usakhululekile esikolweni akaxhatshazwa ngabakhoyo ootitshala. Uthi ixhala lakhe kuxa kubuye ezi titshalakazi zintathu.

Okwangoku ezi titshalakazi, uNcebakazi Soyizwaphi (32), uZizipho Maqolo (25) kwakunye noVuyokazi Dyani (35) basanqunyanyisiwe esikolweni.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) kula ngingqi, uLuxolo Tyali, uthi bavelile aba titshalakazi ngomhla wesine kule nyanga kwinkundla yamatyala eNgcobo, nalapho umntu ngamnye uye wafumana ibheyile yeR500.

UTyali uthi kulindeleke ukuba babuyele kwakhona ngomhla wesixhenxe kwinyanga ezayo nanjengoko kusenziwa uphando.