Wabhubha uWatson eshiya imibuzo

Gavin Watson

IMIBUZO eliqela endaweni yeempendulo, unyawo lwemfene kwanamarhe okuba uzibulele.

Ezi zezinye zezinto ezisemilebeni yoluntu ukusukela oko kuvakele iingxelo zokuba ingqonyela yeBosasa, uGavin Watson, ubhubhe kwingozi yemoto kufuphi nesikhululo seenqwelomoya iOR Tambo eRhawutini ngentseni yangoMvulo wale veki.

Igama likaWatson livele kakhulu kwiKomishini kaSekela Jaji oyiNtloko uRaymond Zondo ephanda ukudlakatheliswa kombuso lusapho lakwaGupta, emva kokuba obesakuba ligosa lakwaBosasa, uAngelo Agrizzi, waveza ukuba lo kaWatson ebengungqondongqondo kumabholo ezobuqhophololo ebesenziwa yile nkampani kumasebe kwanakwiinkokheli zikarhulumente.

Ebhubha nje uWatson, okhulele eBhayi emva kokuzalelwa eAlicedale, ebengomnye wabo babalelwe ukuba kufuneka bavele ukuze baziphendulele kwiKomishini kaZondo.

Iingxelo zithi uWatson wenze umthandazo ngeCawe, usuku phambi kokubhubha kwakhe, kwakunye nabasebenzi baseAfrican Global Operations (ebifudula isaziwa njengeBosasa).

Ngokuya aqhuba la moto yohlobo lweToyota Corolla, uWatson ebeyishiye kwaBosasa imoto yakhe eyiBMW X5. Ebengaphethanga kwamfonomfono.

Amapolisa avakalisile ukuba aza kuqhuba nophando malunga nokwenzeke kule ngozi, atsho esithi oko yinto engathatha ixesha.

Umbutho iANC ukhuphe amazwi ovelwano utyibela igalelo likaWatson kumzabalazo woMzantsi Afrika.

“Oobhuti bakaWatson bayaziwa ngomzabalazo wabo kwiUnited Democratic Front kwanakwiANC,” itshilo iANC kazwelonke kwimbalelwano.

Inkonzo yesikhumbuzo kaWatson iza kubanjelwa eRoodepoort eRhawutini ngomso (Lwesihlanu). Umngcwabo wona kulindeleke ubanjelwe eBhayi kusuku ebelungekaziswa ngethuba sibhala eli nqaku.