Wabulala isithandwa sakhe kuba siHIV

Ngokwengxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso, ixhoba lashiya ifowuni kusisi walo, lathi ina mhlawumbi ndingangabuyi ndisaphila. Oku kusemva kokuba kwafika uFanele Nxuseka, 38, obesebenza njengegosa lezendlela eSajonisi nogwetywe ubomi bakhe bonke ejele, ezokufuna ixhoba kowalo ebethandana nalo kuba esuke wazibhaqela ukuba ixhoba eli litya iipilisi (ARVs) zokulwa nentsholongwane yeHIV.

Ingxelo iqhuba ithi ubungqina obuthwe thaca phambi kwenkundla buveza ukuba uNxuseka, otshatileyo, ebenobudlelwane ecaleni nexhoba elalingazange lichaze kulo ukuba liphila nale ntsholongwane. UNxuseka wazifumanisela emva koko wakholelwa ukuba iza kumosulela kwaye yosulele nenkosikazi yakhe le ntsholongwane.

Ngomhla wama24 kuMeyi ka2020, uNxusani waya kwikhaya lexhoba kwilali yaseNgobozana eLusikisiki, apho wafika wanyanzelisa ukuba bahambe ngenkani.

Emva kokuba ixhoba lingabuyi kulapho usapho lwacinga amazwi alo okuba angabuya engasaphili, baphuma iphulo umzimba bawubhaqa unamanxeba embumbulu ngakwilali ekufutshane eMmangweni. Emva koko uNxuseka wabanjwa.

Ugwetywe kwiveki ephelileyo yinkundla ephakamileyo ebichophe kwidolophu yaseSajonisi. Kwisigwebo sakhe sobomi kongezwe neminyaka elishumi elinesibini lokuxhwila.

I-NPA iyasamkela esi sigwebo sinikwe okaNxuseka. UMlawuli weeNkundla ephondweni uBarry Madolo, uqhwabele izandla umsebenzi othe wenziwa ngoogxa bakhe, abatshutshisi kwakunye nabaphandi betyala.