Wabulawa owasetyhini kuba ethandana nabasetyhini!

Igwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu indoda yaseNqabarha eDutywa egama linguMoris Kewuti onamashumi amathathu ubudala, egwetywa yinkundla yamatyala akuGatyane emva kokufunyanwa enetyala lokubulala.

UKewuti wabulala owasetyhini uZoleka Dumaphi ngonyaka ka2010 embulala kuba uZoleka ethandana namanye amantombazana.

Oku kwenzeka eNqabarha kwilali yaseRwantsini eDutywa ngenyanga kaJulayi ngo2010.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha ithi uZoleka wahlatywa kumzimba ongentla wabhubha kwangoko kwindawo leyo wahlatyelwa kuyo.

UKewuti waye wabanjwa ngo2012 nalapho waye wafunyanwa enetyala lokubulala.

Emva kokuba enikezwe ibheyile zange aphinde abuye ngosuku lwakhe lwesigwebo, wabaleka wayokuzifihla kwidolophu yasePaarl eNtshona Koloni.

Uye waphinda wabanjwa kwakhona ekuqaleni kuka2020 ePaarl nekuye kwafumaniseka ukuba unetyala analo eMpuma Koloni ze wabuyiselwa khona.

Kwinyanga ephelileyo kuye kwawiswa isigwebo seminyaka elishumi elinesihlanu engaphakathi eziseleni ngethuba evela kwinkundla yamatyala kuGatyane.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uLieutenant Liziwe Ntshinga usamkele isigwebo esinikwe uKawuti.

Ukwasikhalimele nesenzo sokubulawa kowasetyhini ngokungenalusini.

UNtshinga uvale ngokuqhwabela izandla abecuphi betyala ngomsebenzi abawenzileyo.