Wagilwa yipolitiki mntu endinguye

Ipolitiki yale mihla yasiguqula isimo somntu semvelo! Xa ndithetha ngomntu ke ndithetha ngomNtu, hayi iintlanga ezaphiwa ubuntu. Zange ndabubona ubuntu obungazinzanga ngathi bobabantu bepolitiki banamhlanje.

Umntu wepolitiki wanamhlanje ulala neli avuke neliyaa, ulala enje, avuke enjeyaa. Iyanditshinca kakhulu ke mna le ndlela yokuphila, kunjalo nje inezothe kum.

Into yokuthi ndithetha nawe ngale, kanti wena akuthethi le, uthetha leyaa! Kuthiwa lixoki negqubusha lephengesha umntu onjalo kwaXhosa, akathenjwa kwaye akukho nto unokuyigqiba naye ngoba akanazigqibo.

Besisandula kugalelwa ngelindle apha kule ofisi yam ngoosopolitiki abathi abafuni urhulumente ophethe le ofisi.

Thina ke singamagosa, siqeshiwe, asingoosopolitiki, singengawo namagosa aqeshwe ngokwepolitiki, siqeshwe ngokobungcali bethu kwimisebenzi esiyiqeshelweyo.

Kodwa abantu bepolitiki bakwazile ukuthi xa bexabana noogxa babo basekunene, befuna ukubagibisela ngelindle, suka bayiphosa kuthi apha. Kodwa xa kunamhlanje, abanye bezo ntwala-bulongwe balala ngangubonye nabo babelijolise kubo ilindle abaliphosa kuthi. Ngumntu wepolitiki ke lowo!

Usopolitiki ungena umbutho awukhethileyo, afike awushumayele kangangoko elobela abaninzi kuwo. Athi akufumana isikhundla agqwese ukuba ngumvangeli wombutho lowo, ezimisa kangangoko izimiso zawo kunjalo nje umbona ukuba uxolele undenze ngombutho wakhe.

Kodwa uthi mhla wangakholisi kuloo mbutho wakhe aze ohlwaywe, akreqele komnye umbutho. Hayi ke mfo kabawo!

Uthi akufika kuloo mbutho mtsha, abe lela lopholopho ebelilo kulowa wokuqala, mhlawumbi agqithise.

Afike apho azijikele zonke izinto ebekade ezithetha ngokunga ngumntu lo uphile ebugezeni, kusale nje kancinci ukuba angathi ezo nto bendifudula ndizithetha bendizithethiswa yimpambano. Mna ke ndingulo mntu ndinguye ndingahamba njani nendoda enjalo? Ndingathetha ndigqibe ntoni nayo kubomi bokwenene? Suka!

Sineenkokeli apha ezazisithi zingakubulala ziyokubhantinta ejele ngenxa yoogxa bazo kwezepolitiki, kodwa namhlanje ukuba zingafika ume phezu kwabo gxa bazo ubaxhela zingafika zikuncedise, zithi bulal’ inja! Akanyali usopolitiki ukusuka kuse ebhembesile exel’ umkhombe. Abukho njalo ke bona ubuntu.

Ubuntu buvelelwe. Neentlanga esazipha ubuntu ziyasilela ukubufeza. Kuzifanele ke zona ukubuyiselwa kwasebuhlangeni bazo.

Ubuntu asigama nje kaloku, sisimo nendlela yokuphila kwesidalwa endisiso mna mntu.

Asibazi ke abanje ngaba ndibachazayo abantu. Igama elithi ngoosopolitiki nelithi ziintlanga, alibafanele abo bangenabo ubuntu.

Iintloni, udano, imbeko nesazela esiphilileyo zinqabe okonodoli oyinkwenkwe koosopolitiki. Awunakutsho kubo ukuthi ayenziwa into ethile, nje ukuba leyo nto iza kubanceda ukufezekisa iinjongo zabo, bayayenza nokuba ilihlazo elinjani na.

Sasinenkokeli yabasebenzi apha eyakhe yathi: Kwipolitiki nokuba kungavela uSathana eneempondo nomsila athi ndilandeleni ndinise esihogweni, abantu kwipolitiki bangamlandela usathana lowo. Ngalo mihla ke yayigxeka ugxa wayo onxaxhele ekunene nowayefuna abalandeli.

Xa kunamhlanje yona leyo nkokeli yenza kwaloo nto, endingazi ke nokuba inguloo Sathana yayithetha ngaye na, ibe ke ngoko abo bayilandelayo ibakhokelela kweso sihogo yayilumkisa ngaso. Inene!

Igama likabawo uRolihlahla litsha lilanga kula maxoki (ewe, mandide ndiphume elubala ndithi ngamaxoki). Athi ashumayela ivangeli yakhe wambi athi ayihambisela phambili egxeka amanye ngokuyirhuqa eludakeni.

Iphi eyawo ivangeli ngabula mbhaleli weSolezwe owaka wabuza ngenye imini, Bamisa ngoRholihlahla ongasekhoyo ngento eyoyisa bona bekhona! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.