Ubomi ejele kowaseMdantane owadlwengula umntwana wakwamakhelwane.
INkundla kaMantyi yaseMdantsane igwebe uNkululeko “Wewe” Bushula (39), ubomi engaphakathi entolongweni emva kokuba ithe yamfumana enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi (10) kuphela izelwe.
Esi sehlo senzeka ngomhla wesithathu kuMatshi ka2022 eMdantsane, ngethuba ixhoba kwakunye noobhuti balo ababini nabo abaselula ngokweminyaka bathi bakhutshwa endlini ngumakhulu wabo esithi mabaye phandle kuba benza ingxolo endlini.
UBushula, nowaziwayo ngabantwana aba njengoko bekwisitalato esinye eMdantsane, wababona ngethuba bephandle besagxothwe nguninakhulu wabathatha wabasa kwindawo ebucala apho wafika wadlwengula intwazana le, amakhwenkwe amabini wathi mawalale kwelinye icala.
Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi waye wabanjwa uBushula. Ingxelo iqhuba ithi phambi kweNkundla uBushula wathi akanalo ityala nto nje amaxhoba ayamtyhola. Kodwa kunjalo okaBushula woyisakala kwimpendulo ngethuba ebuzwa yiNkundla ukuba kutheni engabathathanga abase kwikhaya labo kumakhulu abacelele uxolo njengoko phandle kungakhuselekanga.
UTyali uthi uBhushula unikwe ubomi ejele genxa yeminyaka yexhoba njengoko liseneshumi leminyaka kuphela lizelwe.
I-NPA isamkele esi sigwebo isithi esi isigwebo sakuthi ibesisifundo nakwabanye abacinga ukwenza imikhuba.
Useziseleni uGogo Maweni!