Umasipala waseAmathole uhlazwe kwinginginya yamagosa aphezulu karhulumente noosomashishini emva kokuba inkosikazi ezisokolelayo engusomashishini kwanyanzeleka ukuba ilile iinyembezi phambi kokuhlawulwa iR2 600 yayo ngulo masipala.
Oku kuvele kwindibano ebibanjelwe kwihotele i-ICC eMonti kule veki nebikhwetywe yi-Ofisi yeNkulumbuso uPhumulo Masualle.
UMasualle ebekhwebe le ndibano ukuza kufunxa izimvo zoosomashishini kwanezinye izintlu zoluntu phambi kwentetho yobume bephondo azakuyenza eBhisho ngomhla weshumi elinesixhenxe kweyoMdumba.
UNonqaba Lugogwana weNqabsie’s Trading uthi unesivumelwano sonyaka nomasipala waseAmathole. Kwesi sivumelwano, sizakuphela ngenyanga kaCanzibe, uLugogwana usanikwe umsebenzi wamnye eAmathole.
ULugogwana uthi lo msebenzi mnye wawunikwa yiAmathole ibingowokulungisa imibhobho yamanzi kuCentane.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV