‘Wandibamba ezimpundu umfundisi’

“WANDIBAMBA ezimpundu, endincamisa ngenkani efuna ukukhulula iziphu yebhulukhwe yam, ngelo xesha ndabe ndingayikholelwa ukuba umfundisi ohlonitshwe kangaka ecaweni angenza into efana naleyo kum.”

Oku kuthethwe enkundleni yaseMount Fletcher yintwazana eneminyaka elishumi elinesithoba, emangalele umfundisi waseWisile uMfundisi Siyabonga Banti kwisekethe iFletcherville eMount Fletcher.

Ngenxa yobuzaza beli tyala, isigqeba saseWisile sagqiba kwelokuba simsuse eFletcherville lo mfundisi. Akucaci ncakasana ukuba wenza ntoni phi ngoku.

Le ntwazana, eyayineshumi elinesibhozo ngelo xesha, ithi esi sehlo senzeke kweyoMsintsi nyakenye, ngethuba yona nolunye ulutsha babelungiselela indibano yabo kule sekethe.

“Sasiye kwindibano yolutsha ecaweni, ngoku kwafuneka ndiyokucela isitshixo sokuvula kumfundisi. Ndankqonkqoza, wathi mandingene. Xa ndingena ndabe sele ndimxelela ukuba ndizokucela isitshixo. Ndisajonge leyo, ndambona esondela kum endibamba ngohlobo olundenza ndingakhululeki,” le ntwazana ixelele I’solezwe lesiXhosa kudliwanondlebe kule veki.

“Wandibamba emabeleni endincamisa, efuna ukukhulula amaqhosha ehempe endandiyinxibile, kodwa ndabaleka.

“Wandilandela, emva kokuba ndibalekile, wandibamba ezimpundu nasesinqeni efuna ukukhulula ibhulukhwe endandiyinxibile. Kulapho sajijisana khona, de ndafumana ithuba lokubaleka,” kutsho ixhoba.

Ixhoba lalothuke kangangokuba alizange libe sangena kwalo ndibano.

“Ndandothukile kuba andizange ndiyilindele kuye umfundisi la nto. Ndavele ndakhala ndagoduka, ndayokuxelela umama wam emva koko sayokuvula ityala emapoliseni aseMount Fletcher,” kutsho ixhoba.

Eli xhoba lithi lakhe lathenjiswa imali ngamalungu ebandla kusithiwa makacime ityala, axolele umfundisi kodwa alizange likuvume oko.

Ngethuba lokuxoxwa kwetyala, lo mfundisi ebemile ngelithi uphekelwe iyelenqe yile ntwazana. “Ebesithi ndiyinxalenye nabantu abafuna aphelelwe sisikhundla sokuba yinkokeli yebandla,” kutsho ixhoba.

Esi sehlo asikhange siliphathe kakuhle ixhoba ngokwasemphefumlweni, kangangokuba liye alaphumelela uGrade 11 nyakenye.

“Esikolweni apho ndifunda khona, kukho utitshala ofanayo (ngokwenkangeleko yomzimba) nomfundisi kwaye qho xa ndimbona bendivele ndoyike ndizibone sele ndikhala ndodwa,” kutsho ixhoba, elisaqhubayo nokufunda uGrade 11.

Ngenxa yesi sehlo, ixhoba liye layeka ukukhonza kule nkonzo.

Iingxelo zithi ibingelotyeli lokuqala lo mfundisi exhaphaza ngokwezesondo ilungu letyalike. NgePasika, nyakenye, lo mfundisi waphatha-phatha ngendlela enesincwaso ilungu letyalike – kodwa icawe yathi mayithethwe isikhaya loo nyewe.

Lo mfundisi, ngokokutsho kwexhoba, ebengahlali nosapho lwakhe ecaweni.

NgoLwesithathu weveki ephelileyo, inkundla yaseMount Fletcher imfumene enetyala lo mfundisi, yatsho imgweba umdliwo wemali ekumawaka angamashumi amabini eerandi (R20 000) kungenjalo ajongene neminyaka emine ejele ukuba kufika inyanga yeSilimela engayikhuphanga le mali.

Ngenyanga yeNkanga ngo2016, I’solezwe lenza ibali ngomfundisi waseWisile kwisekethe yakwaNtshunqe eMqanduli ekwanyanzeleka ukuba atshintshelwe kwisekethe iOld Bunting eNgqeleni ngenxa yokuthumela imiyalezo enesincwaso kwinkosikazi etshatileyo ekhonza kula sekethe.

Lo mfundisi, oseOld Bunting, wade wabikwa kwiKomishini kaMakulinganwe ngokweSini (Commission for Gender Equality) ngenxa yoku.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za