‘Wandikhaba, wandophula umhlathi umphathi’

UWandile Hoza ongunogada waseCecilia Makhiwane Hospital eMdantsane, ukhatywe wophuka umhlathi ngomnye umsebenziUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

UWandile Hoza ongumsebenzi waseCecilia Makiwane uphila ubomi bentshontsho ngenxa yokuba akakwazi kujongana nomphathi wakhe owamkhaba wamophula imihlathi ngenyanga kaCanzibe kulo nyaka.

Eli xhoba lithi libethelwa luvalo rhoqo xa kufuneka ukuba liye emsebenzini kuba liza kujongana nomntu owalenzakalisayo.

“Ndandiphuma ndisiya evenkileni wandibuza ukuba ndiyaphi ndamxelela, ndathi ukubuya kwam wandibuza ukuba ndiyayazi na ukuba umsebenzi wakhe kukujongana nam, saxabana wandikhaba emihlathini ndawa phantsi,” ucacise watsho uHoza.

Lo kaHoza uthi intlungu yakhe kukuba abaphathi besibhedlele abathathi manyathelo logama yena engcungcutheka kukubonana nalo mfo.

“Wandithoba isidima emsebenzini, wandithoba isidima enkosikazini yam nabantwana bam kuba ndafika endlwini ndidumbile,” uthethe watsho uHoza.

Uthi okona kungamonwabisiyo kukubona isibhedlele singathathi manyathelo ngakule ndoda.

“Inkundla yamgweba isigwebo seminyaka emihlanu exhonyiweyo ngelithi angaze aphinde abethe mntu, eCecilia akuthathwa manyathelo ngaye uyaphangela,”ukhalaze watsho uHoza.

Eli xhoba ligqibe iiveki ezintandathu ligcuma zintlungu esibhedlele ngenxa yoku.

Amangqina kaHoza acele ukuba amagama abo angadizwa ngenxa yokoyika esi sibhovu-bhovu sendoda ekhaba abasebenzi.

“Ndibe ngowokuqala ukufika kule ndawo ebebethelwa kuyo uHoza, ndafika ethe tywa phantsi esopha, ndiyile nasenkundleni ukuya kuba lingqina lakhe ngenyanga yeThupha, akanatyala uHoza uxhatshaziwe ngulo mfo,” lithethe latsho ingqina.

Eli ngqina lithi uHoza ngomnye wabasebenzi abawenza ngaphandle kwengxaki umsebenzi wakhe.

Lo kaHoza uneminyaka engamashumi amathathu esebenza kweli ziko lempilo kwaye amava wakhe ayanceda kwisetyana elijongene nokuvuselelwa kwezitulo ezihambayo.

Elinye ingqina lithi abaphathi bapheka amacebo okugxotha uHoza esibhedlele saseCecilia Makiwane.

“Lo mntu ugwetyiwe yinkundla yomthetho, umthetho wezabasebenzi awuvumeli kubethwa komntu emsebenzini, ngoku bathi makahambe uHoza aye kusebenza eBhisho okanye eGrey eQonce kuba bezama ukucima eli tyala, makagxothwe lo mntu apha,” ligadlele latsho ingqina.

Ongumphathi wesibhedlele saseCecilia Makiwane uGqr. Mthandeki Xhamlashe, uthi uyasazi esi siganeko sokuxhatshazwa kwale ndoda.

“Ndizakuqhuba uphando lwangaphakathi ngalo mcimbi kodwa ndikhe ndadibana nawo ngaphambili, umthetho usinyanzela ukuba singashiyeleli xa sisenza olwethu uphando,” uthethe watsho uXhamlashe.

Umtyholwa akafumanekanga emnxebeni wakhe ukuziphendulela, kodwa uyaphangela phaya esibhedlele.