Wandiliseka umngcwabo ka Kumkan’uZwelonke!

Into esiyibone kumhla wama29 kwinyanga yeNkanga iya kuhlala ihleli ezingqondweni zethu bathandi besintu, bakhuthazi bobuXhosa kwanabaphili ngokungahanahanisiyo besiXhosa.

Ubumhle kwaye undilisekile umngcwabo womntwan’omhle Komkhulu eNqadu, uKumkani uZwelonke Sigcawu, unyana kaKumkani uXolilizwe noKumkanikazi uNozamile Sigcawu.

Thina bebebukele koomabonakude sikwamamele kunomathotholo kumjelo woMhlobo Wenene ongasidanisiyo siye sakholwa, satsho ngazwi linye sisithi ndlelantle Kumkani, xa kukuhle kunje, inene ugqatso lwakho ulufezile ezantsi emhlabeni.

Uvakalelo ebendinalo xa bendibona indili nentlonipho akhatshwe ngayo uKumkani wethu maXhos’amahle, ndiye ndanovakalelo nombono ongagungqiyo.

Umbono kaZwelonke ewela loo mlambo ungatshiyo, umlambo wobungcwalisa ngabula makholwa. Phesheya kwaloo mlambo kuthi bathandi bezihlwele namanyange angasekhoyo, kuye kwathi tha-a-a engqondweni yam iintlanti ezinkulu ezinabileyo, zinamasango avulekileyo, kumi kuwo izikhakhamela zomzi wakowethu.

Ndinge ndiyambona uKumkani uMpendulo, nangani ebeze ngobuso elizweni, ekhawulelwa nguZwelidumile noGweb’inkumbi ooyisemkhulu, bemxhawula ngezandla, bembambazela emagxeni, besithi camagu thole lomgquba ngokuvakalisa udumo lukaXhosa nobungangamsha bukaNkosiyamntu noMalangana kumlisela nomthinjana wezwe lakowethu.

Ndinga ndiyababona bemxhagile, naye encumile ekwezo ngalo zabo zifudumeleyo! Ndiyababona bemkhombisa kookumkani uHintsa, uSarhili, uRharhabe, uGcaleka noPhalo ngenkqu, nabo benqwala, besithi wanga lowo uza kungena ezihlangwini zakho mzukulwana wethu Mpendulo, akayi kuphuma kwindlela ehanjwe nguwe, ndlela leyo yayisekwe kwasithi, sisalawula ngokwentando neminqweno yabo sasibakhokele.

Ndinge ndiyabeva nookumkanikazi uNomsa kaGambushe, uNothonto, uNondwe noNojoli, bengqungqa beyiyizela, besithi alifikanga ligalelekile ithole lomthonyama.

Lifikile lize kubika imeko aphila phantsi kwayo umntwana womXhosa nomntu ontsundu ezantsi emhlabeni.

Inene ukumka kukakumkani eselula kusothusile, kodwa ke thina maXhos’akuloTshawe, kuloNgcwangu, kuloSikhomo, kuloTogu nakuloTshiwo, sazi sonke ukuba nantoni na eyenzakayo yenzeka ngesizathu. Nokumka kwekumkani yethu isabukwa kunesizathu nemfundiso.

Umzi ubuphume wonke ukuya kunika imbeko yokugqibela kuKumkani. Zathetha kamnandi izithethi zifundisa zixhobisa kananjalo. Izithethi ebeziquka uMongameli uMatamela Ramaphosa, owayesakuba ngumongameli ubawo uZizi Mbeki, ubawo uJamangile, unjingalwazi uFikeni, ubawo uMgwebi, uNkosi uMatanzima noNgwenyathi.

Nomkhosi wezokhuselo wayidlala kunjalo nje yaqaqamba indima yawo. Bezikho ke nezinye iinkosi neekumkani zamazwe asebumelwaneni kunjalo nje zathetha kwavokotheka, zingoyiki ngokoyikiswa, zilandela ekhondweni longasekhoyo uZwelonke.

Ewe ke asinakuyibaleka into yokuba ibikho imibuzo eneempendulo ezinqabileyo nekunzima ukuziyila ezingqondweni. Imibuzo efana neyokuba ziphi na ezinye iingonyama neekumkani ezikufuphi nezihlobene ngokwegazi noZwelonke?

Iikumkani ezifana nobawo uZwelithini, odadewabo ungukumkanikazi kwaRharhabe, Rharhabe okwayindlu yakuloZwelonke. Ibiphi kusini na ikumkani yaseSwazini, ukumkani uMswati Makhosetive wesithathu, nolingana ngqo ngeminyaka noZwelonke?

Ndivumeleni ndithethe ndiziphendula, ndithi ndiqinisekile zikho kwaye zibaluleke kangangokuba zamkelwa zathotyelwa izizathu zokungabikho kwezi kumkani kumngcwabo kaZwelonke obekade ehamba nazo indlela enye, indlela yokulwela amalungelo eekumkani nezindlu zomthonyama eMzantsi Afrika.

Omnye umbuzo othe qatha engqondweni yam, ungowokunqaba kwezizwe zasemzini kumngcwabo wekumkani yethu maXhosa, phofu ke nakwezingaphambili ezifana nobawo uXolilizwe nobawo uMaxhob’ayakhawuleza abanduluke kweli lixa lenkululeko nedemokhrasi, izizwe zasemzini azizange zibonakale ncam, ngokungathi kuthiwa yikumkani yabo kakade, asingeni ndawo ngoku sikwilizwe elinye, ilizwe ekukholelwa ukuba lelenkululeko kamakufanwe nomakulinganwe.

Phofu ke kwaezi zizwe zasemzini, kuthi sekubhiyozelwa usuku lweAfrika minyaka le, zingabonakali kuloo mibhiyozo, nangona uninzi luzelelwe apha eMzantsi Afrika, kwizwekazi leAfrika.

Zonke izizwe zoMzantsi Afrika, kungakhethe bala, zima bhunxe, zihloniphe kwaye zinike imbeko mhla kukhothama amalungu endlu yobukhosi bamaNgesi eNgilane.

Kuthi namhla kutshata abantwana bale ndlu yamaNgesi, izwekazi leAfrika lonke lihloniphe kunjalo nje abantu bahlale bangagungqi koomabonakude, kubukwa imitshato yendlu yobukhosi bamaNgesi.

Kubanjalo ke namhla abantwana bobukhosi bamaNgesi befika kumazwe aseAfrika, babukwa zizo zonke izizwe, banikwe nembekokazi engenakuze inikwe ezi kumkani neenkosi zethu zomthonyama.

Ndiyayazi ke ukuba inyaniso ayinambitheki, kodwa ke iyakwazi ukumkhulula umntu!

Ndincedeni nina mzi kaNtu, nizithande, nizixhase kwaye nizihloniphe iinkosi, iikumkanikazi kwaneekumkani zenu, kuba ke zezenu, kunjalo nje niqiniseke ukuba nizinika ubungangamsha obunikwa ezi zasemzini! Makufanwe! Makulinganwe!