‘Wandosulela ngeAIDS, esenza ngabom’

“KUMJIKELO wesibini sisabelana ngesondo, ndambona ukuba usondela kum enganxibanga khondom ze ndamxelela ukuba ndineminyaka mine ndingabelani ngasondo futhi ndingacwangcisi ngoko ke ndiyakoyika ukosulelwa zizifo kwanokukhulelwa.” La ngamazwi wentwazana yaseBhayi ebhuqwa ngumvandedwa ngenxa “yokosulelwa ngabom” ngesifo sikagawulayo (AIDS) yindoda awayeqala ukulala nayo.

Baqale ukuncumelana ngo2017, ze babe kanti bayadibana kweyoMnga kwakulo nyaka.

Yayiluthando lwabatsha olwalutakisa iintlantsi, indoda ibonakala ukuba noko lide eli thuba isebenza. Wena moto, wena ndlu! Lo mhla, emva nje kweKrismesi ka2017, badibana – phofu beqala.

Bakhuphana besiya kwindawo entle ethengisa ukutya. Emva koko bayokulala kwindlu yale ndoda. Kumjikelo wokuqala balala besebenzisa ikhondom, kowesibini le ntwazana ithi yabona le ndoda isondela kuyo ingayinxibanga ikhondom.

“Xa ndimbuza wathi uza kuchithela ecaleni, kodwa akazange ayenze lo nto – wachithela kum. Ndabe sele ndimxelela ukuba mna andifuni kukhulelwa nezifo. Kumjikelo wesithathu ndambona esondela kum enxibe ikhondom, ndambuza ukuba kutheni eyinxibile, ndabe sele ndimxelela ukuba andizelanga sondo kwakhe,” kutsho le ntwazana.

Le ntwazana ithi emva kwethutyana yabona ukuba mayiye ekhitshini kuba isithi yayinxaniwe.

“Ndandingazazi izinto zekhitshi zaphaya ngoko ke ndathatha isitulo sokukhwela ndifuna iglasi yamanzi. Xa ndithi ndiyakhwela ndathi ntlaa ngeepilisi ezibhalwe Chronic, ndabona ukuba mandimbuze wathi zezeswekile. Ndazifota ndathumelela umhlobo wam ongugqirha, wandixelela ukuba ziiARVs ezi. Kulapho ndasothula phezulu isikhalo,” itshilo le ntwazana.

Emva kwexeshana, ephika lo bhuti, le ntwazana ithi wade wavuma ukuba uphila nesifo sikagawulayo.

“Ndambuza ukuba angayenza njani into enje kum kodwa bendimxelele ukuba ndiyazoyika izifo.”

Le ntwazana ithi phambi kokuba ilale nalo bhuti kweyoMnga ngo2017, yayineminyaka emine ingasalali nandoda kwaye ithi yayivavanyile ngethuba ikhulelwe ngo2013, kwafumaniseka ukuba ayinaso isifo sikagawulayo.

Emva komdontsiswano, le ntwazana igxeka lo bhuti ngokuyosulela esazi, le ntwazana ithi ubhuti lo wacela uxolo, wabe sele emfaka kuncedo lonyango lwenkampani yakhe (Medical Aid) kwanakwipenshini yeemali zakhe.

“Mna ndamxelela ukuba iimali zakhe asokuze ziwususe umvandedwa wento ayenze kum,” kutsho le ntwazana.

Le ntwazana ithi yaya kuzivavanya, yafumanisa ukuba ayikaveli intsholongwane.

“Kodwa ngenxa yomvandedwa ndiye ndaqala ukugula ndanezifo. Ndiqale ukusela iiARVs kweyoMnga nyakenye. Bekungekho lula kunzima, kwaye kusenzima nangoku.”

Le ntwazana ithi okuphinde kwayenza nzima yonke le nto kukufowunelwa ngulo mfo ehleli nentokazi yakhe entsha.

“Babendigezela esithi lo mfana mandohlukane naye. Ndabuza lo mntu wakhe mtsha ukuba uxelelwe na ukuba ubhuti lo uphila nesifo sikagawulayo, wathi lo mntu omtsha uxelelwe. Ndathi ke mna unethamsanqa wena.”

Le ntwazana ithi izamile ukuyovula ityala emapoliseni kodwa ithi yatyhafiswa ngamapolisa emxelela ukuba ebenoxanduva lokuzikhusela. Sibuze le ndoda ityholwayo kwiveki ephelileyo malunga noku, yasixelela iza kuthumela impendulo ngoLwesihlanu into engakhange iyenze.

Kwiimpendulo phakathi kwale ndoda, ngonxibelelwano lukaWhatsApp, le ndoda ibineempendulo ezifana nale: “Ayikho lo nto. Iyandothusa le nto. Ayonyani leyo, zange ndenze into enjalo. Xa esithi le nto yenzeke kweyoMnga 2017, kutheni eyiveza ngoku? Ufuna nimncede ngantoni? Mna naye sohlukana.”

Kule veki, xa besixelela lo mfo ukuba siyapapasha ngoLwesine kule veki uthe masimbhalele ileta yena namagqwetha akhe.