Waqhutywa ngesithozela nesihomo umngcwabo kaMakupula

Abazili, usapho kwanamaqabane bathethe ngazwilinye, elokuba uMandla Makupula “ulikhonzile” ilizwe loMzantsi Afrika ekwenza oko ngokuzenza “idini” lesebe lezemfundo.


UMakupula (57), obenguMphathiswa wesebe lezeMfundo eMpuma Koloni, ubhubhele kwisibhedlele iLife St Dominics eMonti kwiiveki ezimbini ezidlulileyo kulandela idabi elide nesifo somhlaza.

Inkonzo yakhe yomngcwabo iqhutyelwe eAbbotsford Christian Centre eMonti ngoMgqibelo, apho abazili bebeyokubonakalisa imbeko yabo yokugqibela.


Usisi kaMakupula, uZanele, uthi umntakwabo, uMakupula, ebengumhlobo wabo bahlelelekileyo, engayithandi into yokubona umntwana engayi esikolweni.

“Ebelidini lesebe lezemfundo, efuna inkqubela nempumelelo kubantwana beli phondo,” utshilo uZanele.

Umntwana kaMakupula, uMbali (23), uchaze utata wakhe njengomntu obethobekile, ethanda ukugwadla ngengxoxo.

“Undinike esona sipho sakhe sabaluleka, imfundo. Ebengumhlobo wam futhi esithanda kakhulu njengabantwana bakhe,” utshilo uMbali.


Inkosikazi kaMakupula, uGugulethu Mzubanzi Makupula, ibhale umyalezo ofundwe eqondeni sisihlobo sayo. “Ndiwubhala lo myalezo ndididekile kuba ndiyayazi ukuba awuzukundiphendula. Ndikubonile uzamana nobomi bakho kodwa bendicinga ukuba uThixo uza kusindisa. Ulithandile eli lizwe kodwa awuzange ululibale usapho lwakho,” utshilo unkosikazi kaMakupula.

INkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle umchaze uMakupula njengomntu “obenomqolo, ethembekile”.

UMasualle uthi phantsi koMakupula, isebe lezemfundo ngoku liphantsi kozinzo kulandela iminyaka yeengxaki nogxekwano. Uthi eyona ndlela ifanelekileyo yokukhumbula uMakupula, kukuba isebe lifunqule kulo mgangatho likuwo.

Abanye abazili bebequka abaphathiswa uBlade Nzimande noAngie Motshekga. 

UMakupula ungcwatyelwe kumadlaka aseMdantsane, apho akhulele khona.