Umtshato yintliziyo kaThixo, kokuphuma emazantsi entliziyo yakhe ukugqibelelisa konke akudalileyo. Sisenzo sakhe sokugqibela kwiphulo lakhe lendalo ukuphelelisa ubuhle bendalo yakhe eyindoda. UThixo waphimisela wathi “Akulungile ukuba umntu abe yedwa, ndiyakumenzela umncedi onguwabo”.
Kwathabatha umsebenzi wezandla zakhe ukumenzela umlingane, kwaye oko kwabiza okokuba athabathe kwindalo yakhe engu Adam ukwenza indalo entsha engu Eva.
Nantoni na oziqalele yona , wazenzela ngokwakho ibaligugu kuwe kwaye ubanebango kuyo. Kwangokunjalo nakuThixo ikhwele analo ngomtshato leli lokuba angakhutshelwa ngaphandle kwinto aziqalele yona. Masithini ke ngoko ukuze kulunge kwimitshato yethu
MAKAMENYE: uThixo uyise wawuseka umtshato. UYesu unyana weza ukuze ayihlangule imitshato kwiimeko zonke egaxeleka kuzo . Le nto wayibonakalisa kumtshato waseKana kwakuphela iwayini ababezenzele yona, kwaza kweza (John 2vs 10) leyo ivela kuYesu.
Injoli yanqina okokuba ngenene le evela kuYesu yiwayini emnandi. Ngenene ke ubukho bakhe buthi bakuphela obethu ubunako angenelele yena ngokungcono kakhulu.
Akho amaxesha emtshatweni okuba oluya vuyo nencasa naningene nazo zithi , shwaka kuba konke okwabantu kuyaphela ngamaxesha, ukumenywa kukaYesu emtshatweni eKana kwabuyisa uvuyo nemihlali kubatshati nabo bonke abo babebanggqongile.
Makamenywe ke uYesu kuba okungenzeki kubantu kuyenzeka kuye. Nakowakho umtshato iyadingeka le ndoda ebuyekeza obumnandi emtshatweni.
MAKANIKWE UBUKHOSI: Xa sele emenyiwe makwenziwe ngale ndlela ayalela ngayo uMariya wabayalela okokuba benze njengoko ayaleleyo, “Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni” lo myalelo nguwo owanceda ukuze bawubone umyalelo kaYesu.
Nangona imiyalelo le yayibonakalisa ngathi kwenziwa iwayini, bayithobela. Yayinezigaba ezimbini kuphela esokuqala: ukugalela amanzi kwimiphanda izale ithi qhu , esesibini ukukha base kwinjoli.
Ezi zigaba zazingabonakalisi ngathi kwenziwa iwayini, kodwa bathobela izwi lakhe, bamnika igunya lobukhosi bakhe. Nokuba indlela asiyalela ngayo asiboni ngathi isa eluncendweni, kubalulekile ukulidedela igunya lakhe simthobele, sikwenze akutshoyo.
Yilahlele kuye imeko ekohlulayo kuthi apho kuphelile, yena azise into entsha emnandi kuneyokuqala.
MAKAHLONELWE: UThixo wazi isiphelo kungekaqalwa.Kolu hambo lomtshato, qiniseka okokuba uthobela imiyalelo yakhe, kanye ngale ndlela sithobela ngayo imithetho yendlela emgaqweni.
Kukho apho kufuneka sithobe isantya, silinde kwirobhtthi, sikhanyise izibane njalonjalo.
Ngokunjalo ke nolu uhambo luyayidinga intobeko nokuthobela imithetho ka- Thixo, umnikazi womtshato.
Xa nisenza njalo uThixo woqinisekisa inkuseleko nempumelelo kolu hambo lwenu niluqqalileyo.
Vuma xa ekubonisa ukuba uhambe ngandlela yimbi kuba yena ubona apho ungaboni khona. Wakutshata mthobele uThixo.
MAKALINDWE: Isigqibo sokungena emtshatweni sisigqibo sobomi. Ukuba ke ukwinqanaba lokutshata qala kuThixo akukhokelele kubambo lwakho.Yena wazi kakuhle ukuba luphi ubambo lwakho.
Ukuba kunjalo ngexesha elililo womzisa kuwe, njengoko wenzayo kuAdam..Genesis 2vs 22,”uYehova uThixo walwakha ubambo abeluthathe ku Adam lwaba ngumfazi, wamzisa ku- Adam”.UBawo wokuzisela oko kukufaneleyo. Bika kuye , ulinde kuye.
MALUBE LUNYE: Ukuze kubekho ulungelelwano emtshatweni , ubambo malube lunye. Jongana nobambo lwakho uBawo uyakwazi okukulungeleyo, kukhulu okufihlwe kuye, uyakubhaqa xa amehlo akho uwathe ntsho kule ntsimi yakho, uyakuvuna lukhulu.
Makube mhlophe kube njalo empilweni yenu. Nilonwabele olu hambo. Sithi halala !
UNombini “Mamisto” Maqelana. Mfumane rhoqo ngoLwesibini kweli phepha, naku-Alfred Nzo Community Radio ngeCawe ngo6-9 emalanga
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro