Wathint’ abantwana wathint’ imbokodo

Abafundi besikolo iNew Era Care Centre kwa-NU 2 eMdantsane babhiyozele inyanga yamanina ngesinxibo se-ANC Womens LeagueUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Abafundi bakaGradeR kwisikolo iNew Era Care Centre, exhwarhe kwisikolo iFunulwazi Higher Primary kwa-NU 2 eMdantsane, sikhumbule usuku lwamanina ngohlobo olu lodwa emva kokuba abantwana abangamantombazana bethe banxiba isinxibo se-ANC Women’s League.

Bebancinci benjalo, ababafundi akukho nanye into abangayaziyo ngomngcelele wamani ka1956 awayeqhankqalazela ukusetyenziswa kweeDompasi.

Bayalazi nosuku lokukhululwa kukaNelson Mandela entolongweni kwanokuzika kwenqanawe yeSS Mendi.

Inqununu yesi sikolo uRose Glen Mashiqa uthi bafuna ukubonisa abantwana ngelizwe labo loMzantsi Afrika, bakhule benolwazi oluphangaleleyo.