Wavula amaziko emfundo uKumkani uFaku ngexesha lakhe

UNkosi Jongilanga Sigcau Umfanekiso: Siyanda Jantjies

UKumkani uFaku wesizwe samaMpondo wabangela ukuba kubekho la maziko emfundo akhoyo namhlanje kuzo zonke iidolophu zasemaMpondweni. 

Oku kuthethwe nguNkosi Jongilanga Sigcau ngethuba esamkela iindwendwe kumnyhadala wenkcubeko wesizwe samaMpondo eMatshona eLwandlelibomvu,  eNtabankulu.

Phakathi kweendwendwe ebezisamkelwa,  kuquka iKumkani yesizwe samaPedi uMparu MaMpuru, iiNkosi eziphuma kwiindawo ezahlukeneyo  kwelamaMpondo, amagosa kamasipala waseAlfred Ndzo noluntu ngokubanzi. 

“UFaku wamemelela ukuba kuthunyelwe abefundisi kweli lamaMpondo esebenzela ukuguqula indlela amaMpondo enza ngayo izinto, ukunqanda imilo kwanokusungulwa kwamaziko emfundo yabaqalayo,  abadala ngokunjalo,” uthethe watsho uSigcau.

 USigcau uthi uyazidla ngalo msitho kuba yenye yeendlela ezibuyisa isidima sesizwe samaMpondo phakathi kwezinye izizwe.

“Sijonge ukunika abantu bethu ithuba lokuba bakwazi ukufunda kwezinye izizwe logama nazo zifunda okuthile kuthi,  kuba silindele ngoku ndithethayo igqiza eliphuma kwisizwe samaTshangana ukuba lize kubakunye nathi apha namanye amaqela aphuma kwiimbombo zone zoMzantsi Afrika,” ucacise watsho uSigcau. 

Uncome etyibela uKumkani uFaku njengoyena owasungula ubukhosi obucacileyo kwesi sizwe samaMpondo.

 Iqhula elaziwa nguMzantsi Afrika nelikwaphuma kwesi sizwe samaMpondo,  uNtombifuthi Mcwayiba,  ubebambe intambo ngethuba kuvulwa lo msitho.

“Ngaphandle kokuba sizonwabisa ngamasiko nezithethe zethu,  kodwa sikwagqithisa umyalezo nakwezinye izizwe sisithi nathi maMpondo siluhlanga olusemthethweni, olufanayo nabanye abantu,” uthethe watsho uNakamjwentru nanjengoko esaziwa ngabalandeli bakhe.

 Eli qhula sele lizifumanele iimbasa eziliqela ukusukela kwiminyaka elishumi egqithileyo ngokuqhula, kumasebe karhulumente nakwiinkampani zabucala.

“Andisakwazi nokuzibala iimbasa endizifumeneyo ukusukela oko ndaqala lo msebenzi wokuhlekisa abantu, kwaye kum yinto ezenzekelayo nje ukuba ndithethe into,  basuke bahleke abantu bakaThixo,” utshilo. 

Ikomkhulu lamaMpondo eLwandlelubomvu eNtabankulu,  kulindeleke ukuba linikise ngeembasa koosaziwayo abaquka uWinnie Madikizela Mandela, usomashishini wodumo weMpuma Koloni uSisa Ngebulana nabanye.