Wayecinga uyaxhatshazwa xa ephekiswa

USibusiso Mxwexwe, 35, waseMdantsane, uthi nangona nje wakhula enyanzelwa ngumakhulu wakhe ngokuba apheke kwaye iyinto awayeyicaphukela kuba esithi ukupheka yinto yamantombazana, oko kwamenza ephela ekuthanda ukupheka, wade wabe wenza nezifundo zokupheka eWalter Sisulu emva kokuphumelela uGrade12.

Uthi wayebona ingathi uyaxhatshazwa ngumakhulu wakhe xa wayemane ebuya esikolweni kuthwe mabayokuchola amalongwe bapheke.

Uthi ekukhuleni waqaphela ukuba oku kwaye kwamqeqesha wazibona esiya ebanothando neembiza.

UMxwexwe ngoku ukwiphulo lokuphuhlisa kwanokupolisha izakhono zabantu abatsha, abo banomdla ekuphekeni.

Uthi baninzi abantu abatsha abangaphangeliyo kwaye benazo izakhono zokupheka kodwa bengayazi ukuba baye ngaphi, kambe abanye bengenayo imali yokuya esikolweni.

Uthi abajongileyo abantu ngaba bayeka kwibanga lesixhenxe, lesibhozo hayi osele efikile kuGrade12 kuba lowo angakwazi ukuqesheka.

“Kodwa abantu endibajongileyo ngabatsha abangaphangeliyo ingakumbi abo bangazange balifumane ithuba lokufikelela kuGrade12. Ndiza kube ndibafundisa ukupheka kwenzele umntu akwazi ukufumana isatifiketi atsho aqeshwe nakwiihotele njengoko eza kube enawo amava kwaye elufumene noqeqesho.”

“Umntu osele ephumelele uGrade12 angakwazi yena ukuphangela kungoko ndingamfuni ofikileyo. Kanti owaphela kwibanga lesixhenxe nelesibhozo akululanga ukuba aqashwe,” utshilo uMxwexwe.

Uthi kwizakhono kwakunye namava athe wawafumana kwiihotele kwakunye neendawo zokutyela asele waphangela kuzo eMonti, ucinga ukuba naye makaphokozele abanye ngolu lwazi analo.

UMxwexwe uthi wayeka ukuphangela kuba waqaphela ukuba ukhulisa omnye umntu kungoko esenza iinzame zokuba naye azimele kuba umnqweno wakhe ebomini kukuba naye ngenye imini abeneyakhe indawo yokutyela.

Uthi kolu qeqesho aza kulenza leUnlimited Cooking Skills akuzukubhatalwa kwaye akukhethwanga sini. Uthi xa kufundiswa abantu ukupheka kuqalwa ekucocekeni.

“ Kufundiswa ngokucoceka komntu esiqwini nakwizixhobo oza kuzisebenzisa, akusuke kuqalwe ngokuphekwa,” uvale ngelo uMxwexwe.