Wayekiswa kukubizwa ‘baby’ ziintsana ukuya eNyobeni

UZonke Magandala echazela abazali bamaxhoba aseNyobeni ngenkqubo yangaphakathi eNkundleni kwabo bangakhange bangene ngenxa yendawo. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

“Sisempolweni, sonwabile kwaye silala obentlombe ngoku, kwaphela naloo mavumba emichamo. Bekungekho mnandi kuse kwiyadi yakho kugcwele umchamo, iiphedzi, amakhoba otywala ngenxa yabantwana abangaphantsi kweminyaka abanxila kwithaveni iEnyobeni eScenery Park.”

La ngamazwi kaMncedisi George Kwinana obelingqina letyala elijongene nentlekele yethaveni iEnyobeni.

Oku kuvele ngoLwesibini kwiNkundla yaseMonti ngethuba isibini esingabanikazi bethaveni iEnyobeni eyabulala abantwana abangamashumi amabini ananye ngeyeSilimela kunyaka ophelileyo, uSiya Ndevu kwakunye nowakwakhe uVuyokazi Ndevu bevela kwakhona enkundleni malunga namatyala abajongene nawo.

UKwinana (67) nowafika ngo1992 eScenery Park, uphekwe esophulwa yile nkundla kodwa akaphela mandla kuba ebethetha awayekubona ngawakhe amehlo rhoqo ngeempelaveki njengoko engummelwane nale ndawo yentselo.

Uthi kwakude kubekho neentsuku apho abantwana ababhaqe besabelana ngesondo emva kwendlu kwiyadi yakhe. Ukwadiza ukuba kwakusa ehleli kuba abanye babengxola apha ezantsi kwefestile yakhe, abanye bengena bephuma kwindlu yakhe yangasese ngaphandle kwemvume yakhe njengoko engayibiyanga iyadi yakhe.

UKwinana uthi naye wayesiya Enyobeni ayokuthoba unxano ingekenzeki intlekele, kodwa wayekiswa kukuba ebizwa “baby” ebanjwa nasezidleleni ngabantwana abangaphantsi nakwabakhe abazeleyo.

Eli ngqina liqhube lathi le yokungxola kwanokungcola kweyadi yakhe wayichaza kuNdevu, nawathi uNdevu makabiye iyadi kuba naye akakwazi kubalawula abaseli. Uqhube wathi bengabahlali babamba indibano bambiza uNdevu akeza, esithi abafuna yena mabaye kuye. Uthi baphela bebiza indibano namapolisa kwakunye noLiquor Board bechaza ngale thaveni, uthi kwade kwenzeka intlekele engekabuyeli kubo amapolisa ngamanyathelo.

Uvale ngelithi nangosuku lokubhubha kwabantwana wayekhona kwakhe, wakroba xa esiva izikhalo kusithiwa abantwana bayafa nangona esithi zange angene ngaphakathi ethaveni.

UNdevu nenkosikazi yakhe bebemana ukusebezelana, bencumelana ngeli thuba kuqhuba ityala enkundleni, naxa kukho ingqina elithetha into ehlekisayo bebehleka nabo.

Abazali bebekhona nangona nje bengasaphumi njengakuqala.

USidima Rangile ongomnye wabazali abebengaphandle enkundleni ubulele inkxaso kwabo bebekho esithi olu lusuku olungekho mnandi kubo kuba lusuku olubachukumisayo njengoko baphulukana neentsana zabo ngolu suku.

Omnye wabathethela abazali, uZonke Mgangala, uthi bayaqala namhlanje ukuphuma bexolile enkundleni oko kwaqala eli tyala. Uthi linayo inkqubela kwaye bonelisekile nalingqina ubaw’ uKwinana.

UMgangala ubongoze ulutsha olwalukhona Enyobeni ngolu suku esithi mabazokuba ngamangqina kuba kobangcono xa kuthetha ababezibonele ngamehlo kwaye netyala lizokuqina. Uthi bathenjisiwe ukuba owoyikayo kodwa ekurhalela ukungqina angathetha kuba zikhona izinto ezilungiselelwe abo ngabomthetho bazakukhuseleka.

IEnyobeni iqale ukusebenza ngo2011 zeyavalwa kunyaka ophelileyo emva kwentlekel eyenzekayo. Abazali basalindele iziphumo zokubhubha kwabantwana babo njengoko bengekayazi nanamhla eyabulala abantwana.

Ityala eli lizakuqhuba kwakhona apha kuMay nge23 nange24 ezinkundleni eMonti.