Wayethengisa utywala unguGqirha

UGqirha Bandile Ndlazi

UGqirha Bandile Ndlazi (39) akavumanga ukuba iinzingo zokukhula kwakhe zimthintele ukuzalisekisa iminqweno yakhe yokuba nguGqirha.

Emva kokuphumelela ibanga leshumi wasebenza kumzi othengisa utywala, nekwathi kamva wabalekela eRhawutini eshiya ikhaya lakhe eNewcastle eKZN.

“Ukufika kwam eRhawutini ndisebenze njengevolontiya kwiziko leMpilo eHillbrow ndihambela abantu abagula sisifo sephepha nesifo seAIDs, kungelo xesha apho ndaye ndafaka isicelo sokufundela ukuba ngumongikazi, yaqala apho yonke le nto,” kucacisa uNdlazi.

Uthi unina uNtombifikile Ndlazi wayesebenza kwimigodi yamalahle eNewcastle ezama ukuba kubekho into etyiwayo ekhaya.

“Ndingumntwana wesine kubantwana abahlanu, ukuqala kwam uqeqesho lobongikazi, ndandithumela imali yam yesikolo kumama ukuba athenge ukutya ekhaya, ndingatsho ndithi ngenxa yaloo mali (NSFAS) ubomi bukamama batshintsha,” kutsho uNdlazi.

Emva kokusebenza njengomongikazi, uNdlazi wakwazi ukwakha ikhaya lakhe esenzela unina, injongo ikukumvuyisa.

“Xa ndandithweswa isidanga seeMasters wayekhona, wathi kum ‘Bandi’ ndifuna sibuye kwakho sibuyele esa sidanga sibomvu,” uhambisa atsho uNdlazi.

Uthwesozidanga olusemthethweni lokuthwala kwesi sidanga sibomvu luphazanyiswe sisifo sekhorona.

Okubuhlungu kukuba unina akayibonanga le ngubo ibomvu nanjengoko ethe wabhubha ngenxa yesifo somhlaza ngo2016.

“Ndinxibe le ngubo ibomvu namhlanje egameni lakhe nanjengoko wayetshilo ukuba kumele ukuba ndiyinxibe. Emva kokushiywa nguye ndiye ndasebenza nzima kakhulu ndifuna ukusiphumelela isidanga sobuGqirha, konke kwenzekile,” kutsho uNdlazi.

Ngenxa yesifo sekhorona, uNdlazi uhambe waya kuyithenga le ngubo ibomvu wayinxiba.

“Ndicele umntu waphaya evenkileni ethengisa iimpahla zokugreda ukuba andithathe umfanekiso, kuba bendinqwenela ukuzalisekisa umnqweno kamama,” kutsho uNdlazi.

Isidanga sakhe sobuGqirha usenze kwiYunivesithi yoMzantsi Afrika eRhawutini.

“Iinjongo zam kukubuyela ekhaya eKZN ndiye kunceda kwiinkqubo zophuhliso ingakumbi ezo zijoliswe kulutsha oludinga imisebenzi.

Basalidinga kakhulu uncedo malunga neendlela zokufaka izicelo zokungena eYunivesithi neendlela zokufumana imali yokufunda,” kutsho uGqirha Ndlazi.

Kulutsha nakuye wonke ubani osazama ukuphumelela, uGqirha Ndlazi uthi azifunyanwa ngabusuku.

“Ngoku ndisebenza eCenturion kwinkampani iSead Consulting njengemanejala, sisebenza namasebe karhulumente kumaphondo ahlukeneyo, sincedisana nawo kwiiLaboratory zikarhulumente,” kucacisa uNdlazi.

siyabulela.mqikela@inl.co.za