Wayetshilo uSteve Biko!

Ndithi ndakuqwalasela, ndizikise ukucinga, ndifumanise ukuba kumaxa amaninzi, thina siluhlanga oluntsundu, asizithatheli ngqalelo iziyalo nezilumkiso zamaqhawe akowethu akwaziyo ukuyibona into ingekehli.

Nindive kakuhle, andithi asimameli okanye asiphulaphuli, koko ndithi xa silunyukiswa okanye sixelelwa ngento enokungenelela kakuhle okanye kakubi kwintlalo yethu, siye sikhethe ukungazinanzi ezo zilumkiso, kangangokuba sithi sisothuka okanye sikhumbula ezo ziyalo, kube sekugoso okwaphukayo, kungenjalo kube sele konakele.

Makhe ndinikhumbuze nje ngeziyalo ezithathu ezinkentezayo kule ngqondwana yam. Okokuqala, imboni yesizwe sakowethu eyayinesiphiwo sokutyhilelwa izinto zingekenzeki, ubawo uNtsikana kaGabha, sikhula sixelelwa ngokuba waye wanombono wohlanga oluza kufika phakathi komzi ontsundu.

Ngokokubona kwakhe nangohlalutyo lwam, ubawo uGabha wathi, “kuza uhlanga lwasemzini olulusu lukalajiweyo ngolwandle.

Olu hlanga luza luphethe izixhobo ezimbini elibinza nelihlanganisa ngazo. Esinye sezi zixhobo ngumqulu wencwadi emlomo ubomvu.

Lo mqulu andinangxaki ngeemfundiso neziyalo zawo, kodwa ndicela maze mhla beninika, ningawamkeli nje ningawufundisisanga, hleze kubekho ichaphaza elingelihle kubuntu benu nakwisiko lenu.”

Ubawo uNtsikana kaGabha uqhube wenjenje, “ezi zizwe zikwaza ziphethe nesixhobo sesibini. Esi ke sesona sinobungozi, liqhosha elingenamthunja.

Sona esi isixhobo maze ningasijongi nokusijonga, kunjalo nje ningasamkeli, kuba siyingozi kakhulu, siza kunichitha kuphele kuthi nya!” Ilishwa lomhluzi wamanqina ke yaba kukuba ezi zixhobo zohlanga lwasemzini wayethetha ngazo ubawo uGabha, sazitsibela sazamkela zombini kungakhange kulandelwe miyalelo!

Sazamkela silibele ukuba thina maXhosa sasisisizwe esasiphila kamnandi, siphila ubomi boyolo nentsebenziswano, sibuphila singalawulwa ngumqulu nemali, koko siphila sihloniphe uMvelingqangi, sihloniphe izinyanya ezingamanyange obuntu bethu, siphila kwaye siphiliswa kukuhlonipha, ukuxabisa nokulandela amasiko ethu.

Ivelile imboni yesibini ivela kumaZima akwaMqhayi ngoNgxekengxeke. Kwizifakelo zencwadi yakhe ethi “Ityala lamawele”, ubawo uMqhayi ucebisa ngelithi: “Maze sizigcine kwaye sihlale sizisebenzisa iilwimi zethu ma-Afrika, kuba sakuthi sakuyeka ukuthetha iilwimi zethu, zitshabalale. Ziya kuthi zakutshabalala, kulandele nesiko lethu kwanobuntu bethu.”

Bangaphi na kuthi maXhosa abasaluxabisileyo ulwimi lwethu? Bangaphi na kuthi maXhosa abawathakazelelayo bawafunde amaphephandaba noolindithuba ababhalwe ngeelwimi zethu njengeS`olezwe eli neBona?

Bangaphi na kuthi abasazidinayo bakhuthalele ukufunda iincwadi ezibhalwe ngesiXhosa ukogqitha ezo zibhalwe ngeelwimi zasemzini?

Xa sikhetha kwaye sithanda oko kusuka kwezinye izizwe ngaphezu kokwethu, mna ndithi kucacile ukuba thina buqu siphelelwe kukuzixabisa nokuzithanda, kwaye kungekudala siza kubhanga kuphele kuthi tu ngathi.

Iziyalo zokugqibela zivele kwithole lomgquba, itshantliziyo ubawo uSteve Bantu Biko. Kula ncwadi yakhe ithi “Ndibhala endikuthandayo” (I write what I like).

Ubawo uBiko uthetha phandle ngeliyalayo okanye elilumkisayo elithi, “kuseza kufika ixesha, umntwana ontsundu azibuze imibuzo ngale nkolo yoyikisayo, le yoyikisa ngokutshiswa nangokuncuntswa kwabantu kwisihogo somlilo, le ize nezizwe zasemzini kuthi ngeenjongo zokuthimba nokohlutha okwethu kwaneengqondo ezi zethu.

Le nkolo iza kuhamba iphelelwe yintsingiselo kumntwana ontsundu, kwaye ingabi nakho ukumnika iimpendulo ezizizo ngobuntu bakhe, ngemveli yakhe, nangobu-Afrika obu bakhe.

Kuya kuthi kwakuba njalo ke, umntwana ontsundu aqalise iphulo lokuvuselela inkolo ethetha kuye ngqo entliziyweni, inkolo evuselela ubuXhosa, ubu-Afrika kwanobuntu bakhe ngaphakathi kuye.”

Inokuba ndim ndedwa noku kungaboni kwam kakuhle, inokuba ndim ndedwa noku kungahlakaniphi kwam kakuhle, kodwa ingathi uluvo lukabawo uBiko luyazaliseka.

Amanani aya encipha kwiinkonzo ezindala nezafika nabefundisi bangaphambili, koko kwanda amanani kwezi nkolo zikhokelwa ngama-Afrika, kuba kaloku umntwana we-Afrika unqwenela ukuzazi ncakasana, alandele inkolo engobuntu bakhe nevakalisa udumo lwama-Afrika amandulo nasaphilayo.

Xa abantwana bethu betyiswa iisepha ezicaweni, bebethwa ngeemvubu nangemibhobho ezicaweni, masikhawuleze sibakhuphe bengekamkelwa ziingqondo.

Masibasondeze kwezo nkonzo zigxile kwinkolo yobu-Afrika nezikhokelwa ngamaqhawe aziinkokheli ezingama-Afrika, maqhawe lawo akholelwa kubungangamsha be-Afrika.

Ngaphezu kwako konke mzi ontsundu, abantwana bethu masibafundise ukuba baya kuthi ukuze baphile ubomi boyolo, ubomi obanelisayo kwanobomi obuza nempumelelo, ukhuseleko namathamsanqa, bangaze bohlukane nesiko labo!

Camagu! Chosi!