Wazibhaqa eselula ukuba ngumzobi

UQhama Maswana nemifanekiso yemizobo yakhe imifanekiso: ithunyelwe

OKUBUHLUNGU okwamehlela eneminyaka nje emihlanu ezelwe, kwabangela ukuba uQhama Maswana afumane ikhondo anokulilandela nalithandayo.

UMaswana yinzalelwane yaseQonce kwiMpuma Koloni. Sithetha nje, uzinze kwiphondo laseRhawutini nalapho azenzela lo msebenzi utsal’ amehlo.

I’solezwe lincokole noMaswana, nodize ukuba emva kokophuka imilenze eseneminyaka emihlanu ubudala, waqala ngoko ukubona ubugcisa bokuzoba njengento anokuyenza isakhono anokuphila ngaso.

“Ubugcisa ndiyacinga babuhleli iyinto ekhoyo ngaphakathi kum. Oko ndakubhaqa ndisemncinane ngethuba ndikhwela eludongeni ndawelwa zizitena zaze zandophula imilenze yomibini.”

UMaswana uthi waphandlwa yimibala eyayigqamile kwincwadi yokuzoba ngelo xesha esalele ngandletyan’ anye.

“Abazali bam bandithengela incwadi yokufaka imibala [colouring book]. Imibala eyohlukeneyo nendandiqala ukuyibona yanditsala umdla,” kubalisa uMaswana.

Ubalisa athi le ncwadi yamenza walibala tu ngeengqaqambo awayeziva kwimilenze yakhe.

“Kulapho ndandiye ndikhumbule ukuba ndisenezandla, ngoko nangoko ndandiye ndiqubule incwadi yam ndiqalise ukufaka imibala kuyo. Zazilibaleka nya iintlungu.

“Eli bali lobomi bam landenza ndakubona mhlophe ukuba ubugcisa babuhleli buhleli ngaphakathi kum,” kutsho uMaswana.

Uthi ngethuba ekwisikolo samabanga aphezulu saseGinsberg, eQonce, waziqonda kakuhle ukuba uyazazi leliphi kanye ikhondo afuna ukulilandela.

“Emva kokuphumelela kumakhuphiswano aliqela esikolweni, abantu bendibhatala ngokubazobela, ndathabatha isigqibo sokuba le yoyana nto ndiyithandayo, into enokundiphilisa.”

UMaswana uyavuma ukuba imingeni yona ikhona, kodwa ubani ukuze akhule kuyanyanzeleka ukuba ajamelane nayo.

Ukhuthazwa zimeko ezohlukeneyo ukuze abhale. “Ndingathi yonke into iza nenkuthazo. ayibobugcisa nje bodwa, kodwa ingangubomi okanye amava.

“Ungabukela nje ilanga litshona okanye ixhego elizingcumbuzele esitalatweni – indlela ekuchukumisa ngayo ngaphakathi,” kutsho uMaswana.

UMaswana uthi imisebenzi yakhe ithabatha iintsuku ezine xa esebenzela ingeniso ekhawulezileyo. Ukwathi eminye yemisebenzi yakhe ithatha ixesha elingangeeveki okanye iinyanga.

Ulebele ngokucebisa abanye babazobi ukuba bagxile kwinkcubeko yabo kwaye bayibonise ilizwe phambi kokuba basithele emhlabeni.

UMaswana uzakube ebonisa ngemisebenzi yakhe kumboniso womsebenzi wobugcisa kwakulo nyaka eRhawutini.

Ungamlandela apha – Facebook: Qhama Maswana-ART