Wenza ingeniso ngomsebenzi wezandla

AKUKHO namnye umntu owadalelwa ukuba uyakusonga izandla. Wonke ubani unesakhono anaso, ingxaki kukuba uyasisebenzisa na isakhono sakho?

Lawo ngamazwi kaNocawe Ntshakaza (60) waseBarthurst kufuphi nasePort Alfred. UNocawe uziphilela ngokuthengisa izinto zemisebenzi yakhe yezandla ezifana namakhuko, iimantyi, izithebe neengobozi ukubala nje ezimbalwa.

Lo msebenzi uNocawe uwenza ngokuncedisana notata wakhe uHombile (106) kwaye bazihlalela kwikhaya labo bobabini nalapho babona ilanga sele litshona ngenxeni yokuzigcina bexakekile nanjengoko bezenzela into yonke ngokwabo kweli khaya kuquka nokulima.

Elikhaya liluhlaza lonke ngenxeni yentlobontlobo yezityalo ezisegadini. Ngokokutsho kukaNocawe nangokubona kwethu ayingobantu baxabise ukuya edolophini baziphilela nje impilo yabo eyodwa kunjalo nje entle nalapho ubani anganqwenela ukuyiphila le mpilo yelikhaya kuba yonke into ikhona bakha egadini. Ayingobantu abaxhomekeke bantwini okanye kurhulumente bayaziphilela.

UNocawe uthi waqala ngonyaka ka1976 ukwenza ezizixhobo efunda kumama wakhe ngethuba unina esaphila engumntu owayephila ngokuzenzela, waze wafunda nakubeLungu babazali bakhe.

“Mna ndandizifundela nje kuba ndandiye ndibenomdla xa ndibona kusenziwa ndaqalisa kanti kuzakude kube namhlanje kwaye ibeyinto endiphila ngayo. Ndaqala kuMakhukho amancinci ndakwazi nokuwahombisa ndaye ndisonyukela ndaphela sele ndisogqitha kwa umama lowo wam. Akusekho nto inzima ngoku ndiyachweleza.”

Abona bantu bam bathengayo nabandixhasayo ngabantu abamhlophe, ingakumbi abaseKnaysna. Ngamanye amaxesha siyalandwa ngabeLungu basise kwimiboniso efana nomnyhadala kazwelonke obanjwa rhoqo ngexesha lobusiki eRhini, iArts Festival,” utshilo uNocawe.

Ngokwexabiso iimveliso zikaNocawe ziqala kuR100 ukunyuka ngokushiyana kwazo.

Uthi sele encedwa kukuba abathengi bakhe abamhlophe baye baxelelane kuba amathuba oyokuthengisa edolophini mancinci njengoko bengenaso isithuthi esisesabo bexhomekeka kwesisihlobo sabo singumntu omhlophe.

Ukwathe kumthatha iintsuku ezimbini xa ethe wayikhawulezisa kodwa kuba eyedwa kufuneka enze nezinye izinto kumthatha iveki ukuhlohla lengca.

Usebenzisana noyise uHombile ekweninzeni oku kwaye uthi kufuna ukwenziwa ngumntu onobuchule okwa nomonde.

Le nkonde yakwaTshakaza ithi zange yake yalala sibhedlele ayibikwa kwahlaba, isazenzela yonke into, kwaye usaziyela enkonzweni ngebhayisekile yakhe.

Uthi ufundise namanye amanina angabamelwane kuba efuna nabanye babenento kwaye bakwazi ukulala betyile, abanye bakwazi ukunyamezela nangona abanye beyeka esithubeni ngenxa yokungakwazi ukunyamezela.

nkuthazo yakhe yabasetyhini kulenyanga ithi, mabazenzele, balime iigadi, bangalambi benezandla umhlaba ukhona.

abongile.ginya@inl.co.za