Wenza ushishino ngezikhumba zenkomo

NANGONA izinto esithi zisahamba kancinane uThembinkosi Butana nongumthungi wezixhobo zesikhumba (leather), kuquka izihlangu neebhegi, uveze ukuba uyathemba ukuba ngokuya kuhamba ixesha uzakwenza inzuzo enkulu ngeshishini lakhe.

UButana noneminyaka engamashumi amane anesine (44) ubudala nongumhlali wakwaDuza, ePort Alfred uvakalise ukuba eli shishini lokuthunga uliqale ngonyaka ka2008, ekhayeni lakhe kwaDuza, kodwa kungokunje sele esebenzela kwindawo yakhe ayibiza ngokuba kuse-Iliwa Laphakade Arts Creations nefumaneka kwindawo yaseNemato kwalapha eCawa.

“Ndiyazi izinto zizakulunga kungekudala nto nje kufuneka ukunyamezela,” kutsho uButana.

Izinto ezithengiswa ngulo kaButana ziqala kwimali engange-R10 lo gama iibhegi ziqala kwi-R100 ukonyuka, izihlangu zona ziqala kwiR180 nazo ukubheka phambili. UButana akagqibeli nje ngokuthunga kodwa uphinda enze namagubu athi axabisa iR1 200.

“Ukuqala indawo entsha abantu abangayaziyo akukho lula kodwa kuba ndineenyanga nje ezine kuphela ndilapha andikhalazi,” utshilo uButana.