Wenze imbali ngokutyunjwa njengeBhishophu

UBishop uPurity Malinga wenze imbali umfanekiso: uthunyelwe

UBishop Purity Malinga wenze imbali yokuba abe ngowokuqala owasetyhini ukonyulelwa kwisihlalo sokuba yiBhishopu eyongamelayo kwinkonzo yamaWisile aseMazantsi eAfrika.

Oku kwenzeke okokuqala kule nkonzo ngethuba uMalinga ebetyunjwa njengeBhishopu yekhulu kule nkonzo kwingqungquthela ebibanjelwe eGoli kutshanje.

UMfundisi Jennifer Samdaan ongomnye wabefundisi abangoomama abahlonitshiweyo kule nkonzo uphawule wenjenje:

“Bekukho amadoda angama99 phambi kwakhe. Intle kakhulu into yokuba konyulwe yena ukuba asikhokele.”

UMfundisi Madika Sibeko ugqabaze wathi “zajiki’izinto!” Ngeliyinene, izinto ziyatshintsha kwicawe yaseWisile.

Le nkonzo yeyona inkulu kwiirhamente ezingcambu zazo zimiliselwe kwimvuselelo yenkulungwane yeshumi elinesibhozo eyayikhokelwa nguJohn Wesley.

IWisile okanye iMethodist Church of Southern Africa yathi yaziphatha ngowe1889 iphuma phantsi kwesandla samaNgesi, yaza yaba lelona bandla likhulu lamaProtestanti inkoliso yamalungu ayo ingabantsundu.

Ukonyulwa kwebhishophu engumfazi njengomongameli webandla kuthetha okukhulu kweli bandla nakwingingqi ngokupheleleyo.

Kule ndawo akuyo uBishop Malinga uza kuba ngumakhonya onoxanduva lokukhokela iibhishopu namarhamente athe bhazalala kumazwe amathandathu kuMazantsi eAfrika afana neSouth Africa, Namibia, Lesotho, Mozambique, eSwatini neBotswana.

Ubuntu bakhe nendlela alawula ngayo ngemvisiswano kukholeleka ukuba kuza notshintsho olubalulekileyo kwindlela neenkqubo zale nkonzo.

Ngaphambili usebenze njengebhishopu yokuqala engumama kwisinodi yeNatal Coastal District de kwango2008.

UnguMfundisi ohlonitshwe kakhulu oqale waphumelela izifundo zobutitshala phambi kokuba angenele ezenkolo eHarvad University kwelamaMelika.