Wenze itheko lefowuni ena20!

UThobeka Zena uthi uyithanda ukufa iNokia 3110 yakhe ka1999

XA esuka eQonce esiya eKapa, akazihluphi ngokuphatha itshaja kuba uyayazi ukuba iNokia 3110 yakhe awayeyithengelwe ngumhlobo wakhe ngo1999 ayisoze imphoxe.

UThobeka Zena (54) uyithanda ukufa le fowuni yakhe kangangokuba ebefuna I’solezwe lesiXhosa nabakwaNokia baye kwakhe apho ahlala khona, edolophini eQonce, bayokubhiyoza naye ngale Nokia yakhe.

“Le fowuni ndandiyithengelwe nguBukelwa Ngcobondwana ongumhlobo wam osenyongweni, endithengela njengesipho sokubhiyozela umhla wam (umhla wesibini kweyeNkanga) wokuzalwa,” utshilo uZena, encokolela I’solezwe lesiXhosa enemincili.

Okungakholelekiyo kukuba le fowuni zange yatshintshwa ibhetri yayo.

“Ukusukela ngelo xesha, oko ndiyigcinile le fowuni. Into emangazayo kukuba ibhetri yayo zange ndiyitshintshe. Ibhetri yale fowuni ihlala iintsuku ezintathu ukuya kwezine. “Ukuba ndiye eKapa usuku nje olunye, andizihluphi ngakuphatha itshaja, kuba ndiyayazi ukuba ndiza kude ndibuyele eQonce ingekacimi ibhetri yayo. Iyandinceda kakhulu, kwankqu neCellphone Banking ndiyenza kuyo, kuba yeyona fowuni yam endiyiqonda kakuhle,” utshilo uZena.

Ngokweenkcukacha, le fowuni inekhamera, Bluetooth neMP3.

UZena uthi usazimisele ukuyigcina le fowuni, kangangokuba uxakekile ngoku ekhangela into yokuyenza ntle ebusweni bayo. “Indiphathe kakuhle kakhulu le fowuni. Abantwana bam bade bandixelele ukuba uNokia wayengathethi into yokuba mandiyigcine kude kuphele iminyaka engamashumi amabini.”

UZena uthi ayinangxaki le fowuni kwaye uthi ukunyamezela kwayo kumenza afune ukuyigcina nangakumbi. “Ndakuyigcina ide iyeke. Indisebenzele kakhulu le fowuni,” kutsho uZena.

Ngomhla wesibini kweyeNkanga, kule nyanga, ngethuba uZena ebegqiba iminyaka engamashumi amahlanu anesine, ugqibe kwelokuba enze imibhiyozo emibini – iminyaka yakhe buqu kwaneminyaka engamashumi amabini enale Nokia