Wenze utshintsho eMbashe uMfecane

Sincokola nobesakuba ngusodolophu waseMbhashe oquka idolophu ezintathu iDutywa, Gatyana kwakunye neXhorha uNonceba Olga Mfecane, nalapho asibalisela ngendlela athe wayihamba ngethuba lakhe lolawulo kulo masipala.

UMfecane sele efumene isikhundla esitsha njengoko enikwe uxanduva ngumbutho weANC, lokuba ngusihlalo weMPACC kumasipala wesithili saseAmathole. Le komiti ibambisene namasebe onke ekuqinisekiseni ukuba iinkonzo ziyaya eluntwini, kwaye iimali zikamasipala ziphuma ngokusemthethweni, ikwa qinisekisa ukuba iinkonzo ziyafikelela eluntwini lonke lwaseAmathole.

Abongile Ginya (AG): Kunjani ukuba linina elikwezopolitiko, kwaye oko kuthetha ukuthini xa sithelekisa neminyaka eyadlulayo apho kwakunqabile ukuba singamanina sithethe ilizwi livakale?

Nonceba Mfecane (NM): Mihla le inani lamanina athatha inxaxheba kwezopolitiko liyanda, kodwa lisesezantsi, ukuba linina elikwizikhundla zopolitiko kunamaxesha obumnandi nawanobunzima.

Obona bunzima kuxa kufuneka uveze okanye ukhumbuze oogxa bakho lomsebenzi ungawenza ngokugqibeleleyo nangempumelelo uwenza phambi kwamanina ayengavunyelwa ukuba athathe inxaxheba kwizikhundla zopolitiko.

Kodwa sibulela oomama abathi babanesibindi sokubonisa isizwe sonke ukuba bayakwazi ukuthatha isigqibo kwaye basenze siphumelele ndithetha ngoomama BAKA 1956.

AG: Yeyiphi eyona miceli mngeni ubudibana nayo umhla nezolo kwisikhundla sakho sobusodolophu ube ungumntu ongumama uphinde ujongane noluntu lwasemaphandleni?

NM: Ayikangeni ncam kubantakwethu into yokuba inina lingabakwisikhundla esingentla kunesesinye isini.

-Xa ufika kwiinkundla zasemakhaya ufika ootata bethe nca ngasebuhlanti, oomama qelele ngasezindlini.

-Bekufuneka kuqala uze necebo lokubasondeza ngokuthi ubaqhule “ngokuba uthi ndingudabawo wekhaya utsho usiya kuhlala ngasebuhlanti batsho basondele noomama.

-Bekufuneka kwa uhlobo onxibe ngalo lusondele nakubo ubenze bakubone njengomnye wabo.

AG: Ingaba yintoni ongathi uzingca ngayo ngethuba usesihlalweni, umahluko othe wawenza?

NM: Sifike ngo2011 abasebenzi bezopolitiko bezithwala entloko izitulo zokuchopha imihla le kodwa ndiyavuya xa kuphela ixesha lam wonke umntu esazi ukuba isitulo yinto yokuchopha asinto yakuthwalwa entloko kwaye wonke umntu uhamba kumgama wakhe awubekelweyo.

Yonke lonto isizalele amaduna namathokazi kuba oko kwenze iinkonzo zangxama ukuya eluntwini ndingabalula ezimbalwa: Ucoceko kwiidolophu zontathu, ubiyelo lwamangcwaba, ukusa umbane welanga (Solar Power) eXhorha, ukudala amathuba engqesho, kwanokuthengwa kwezixhobo zokwenza indlela ndisitsho kuninzi nangaphandle koku ndikubalayo.

AG: Kumanye amaxesha abahlali bebekhe babambe uqhankqalazo eDutywa bavale uhola wendlela uN2, kambe bekhalazela izinto ezininzi ezahlukeneyo umzekelo iinkonzo kwakunye namagosa ezendlela angenasiphatho kubaqhubi, ubuye uzisabele njani izinto ezinjalo kwaye bezikuphatha njani?

NM: Aye abekhona amathuba oqhankqalazo ingakumbi eDutywa naseXhorha.

-Kubalulekile ukukhangela unobangela kuqala nangaphezu kokuzisa isisombululo

– Ufumanise oyena nobangela woqhankqalazo amaxesha amaninzi uve ukuba urhulumente uthini ngenkonzo eziza kubo.

-Sinoxanduva singabameli bakarhulumente lokuba siphume ezi-ofisini siye ebantwini sichaze okwenzekileyo kanti nokungenziwanga sizathu soko kwanento ezakwenziwa ukuze leyo ingakhange iphumelele iphumelele.

– Malunga namagosa ezendlela- ndibongoza kuluntu ukuba masisebenzisane nawo kuba asemsebenzini ahamba nomthetho yiyo lonto wonke umntu kufuneka abenesiqinisekiso sokuqhuba osendleleni.

AG: Yintoni ebikubangele ubone kubalulekile ukuba usebenzise uFacebook xa ubunxulumana nabahlali kunjalo nje ubungaxhomi izinto ezintle zodwa ngomasipala ubuzifaka nezo zimbi umzekelo uqhankqalazo?

NM: Ukusebenzisa amakhasi onxibelelwano afana noFacebook kwakunye noWhatsApp kubaluleke kakhulu kum kuba amaxesha amanizni singabantu abasebenza kwiindawo ezahlukeneyo apho abanye bangakwazi nokuba baye kwiindibano emini ngokubambeka emisebenzini baye bancedakale ngokufumana iindaba pha kuFacebook, uluntu luyazi ukuba kwindawo zabo zokuhlala kwenzeka ntoni. Kumaxesha amaninzi iimpendulo kwanezimvo zoluntu zikuncedisa ekubeni wazi ukuba abantu bacingantoni kwaye bakhalaphi. Xa uphethe wamkela zonke iintlobo zabantu okwakho kukujonga eyona ngxaki.

AG: Ungumama kubantwana abangaphi?

NM: Ndingumama wabantwana abathathu kanti ke ndikwanguye nomakhulu kumzukulwana wam…..encumile

AG: Ukuba linina kuthetha ukuthini kuwe kwaye usithini kumanye amanina nakulutsha lwasetyhini umyalezo wakho wale nyanga?

NM: Okubalulekile ukuphulaphula ngomonde, ekuqondeni izinto abantu abaphakathi kwazo, amandla okuxhasa amanye amanina, ukubanothando olusuka emazantsi, ukuzingca ngobufazi bakho, isibindi sokwenza okuhle

-Ndikhuthaza onke amanina asezikhundleni zolawulo asebenze ngokuzinikela ngokukhalipha nangenzondelelo.