Wenzela bani mntwanam?

Nanjengomntu ozele kwaphuka uluthi, wonke umntwana olapha phandle ngowam. Kwizinto ezindiphatha kakubi emphefumlweni, kukuphathwa nokuziphatha kakubi kwabantwana. Ndihlupheka ndife kukubona umntwana esenza okanye esenziwa endikholelwa ukuba akumlungele.

Okwakaloku nje ndikhetha ukugxila kubugwenxa babantwana ngokwabo ngaphezu kwabakwenziwayo. Uninzi lwabantwana banamhlanje bakunyabele ukuthatha uxanduva. Kuhleliwe nje kufuneka ube ubatshova ngasemva nakwizinto ebebemele ukuziphakamela ngokunokwabo.

Umzekelo, ibilibhongo kwintombi ukungenela kwimisebenzi eyenziwa ngunina, ngokunjalo nonyana kwekayise. Kule mihla umama udinga umntu wokumkhisa amanzi, utata udinga owokumbambela izixhobo zokusebenza.

Umntwana ukhuliswa ngumzali ngemithetho yekhaya, emahlulela okumfaneleyo kokungamfanelanga. Kodwa bona bakhetha ukubamba zimfundiso zimbi kunezo zabazali. Abahlobo babenza abona bantu bokwenyani ebomini babo, belibala ukuba iziphumo zezenzo zabo zibuya zifune ikhaya.

Umntwana wanamhlanje xa umkhalima kwiihambo zaphandle ibangathi ummunyela ngobuncwane obuxhamleyo wena ngeyakho imihla, engakunanzile ukukhangela ukuba wena wenza njani na ke ukuze usinde kwezo ngozi umlumkisa ngazo.

Umthumela esikolweni umntwana ukuba ayokuxhonkxelwa ingomso, suka afike apho enze izinto ongakhange wazicinga ukuba angaze azenze kuba uthembe iimfundiso zakho nendlela abayiyo phakathi kwekhaya.

Ukuya kwabo esikolweni ingathi bakwenzela ukukholisa umzali ngaphezu kokulungiselela bona. Kuyandibulala ukubona abantwana besikolo emva kwentsimbi yesibhozo kusasa besesendleleni eya esikolweni, bechulile ngathi akuvi libashiyile ixesha lokungena. Esakwenjenjalo ke kum kuyaphela ukubona umntwana wesikolo, kusale injubaqa yesikolo.

Ubunjubaqa ndibucekisile, nobunjani na. Abantwana banamhlanje ke bona akukho nto bayithathela phezulu ngathi zizenzo zobunjubaqa.

Ukutshaya, ukunxila, ukwabelana ngesondo phambi kwexesha, iziyolo; abantwana bethu sele berhubuke okwenja irhutyulwe ngamaqanda, ukuzithanda ezo zinto. Abakunanzile ukuba izenzo ezinjalo ziliphumele umkhosi ikamva labo.

Abantwana banamhlanje abazinanzile ezona zinto bamele kuzilangazelela ngokwamasi kwiintsana ezisandula kuzalwa. Kufuneka ubangcuthe ngasemva.

Ngeentsuku zesikolo kufuneka ubavuse, bathi sele bevukile ufike benambuza bengqiba indlu le yonke kungekho nkqubela de bashiywe lixesha. Sele ede wabe uphume ngexesha ukusinga esikolweni, uza kuhamba elinda abanye apha endleleni ngokungathi akayazi indlela eya esikolweni. Barhuqa iinyawo ukwenza imisebenzi yesikolo, kufuneka umzali abamele ngasemva.

Akuphumelela ibanga leshumi kufuneka ibe kwangumzali omngcutha ngasemva ukufuna iziko-mfundo enomsila, umzali ayokutshiswa lilanga emigceni, anyukelwe ziiswekile, ezamela isifede somntwana wakhe ongakwazi kuzenzela nto, into ayindwebeleyo izizenzo zobunjubaqa.

Amathuba avelayo bawadlula ngathi badlula esidulwini, kufuneke ibe kwangumzali othi “faka isicelo nali ithuba”, yena eyolelwe nje kukucumbisa izonka ezinebhotolo, akuhlutha aphume ngomnyango aye kwantliziyo ndise.

Uninzi lwabantwana banamhlanje akubonakali bona bekukhathalele ukuzilungiselela ingomso, ngumzali ekufuneka ezixhamle ngalo nto. Sele betyhalwa iba ngathi umzali wenzela yena, ufike umntwana ephephana nomzali emhlelele ngokumdyobha intshongo emehlweni.

Ukuqhatha abazali yenye yezinto ababahle kuyo leyo abantwana banamhlanje! Behleli nje basoloko befunda amaqhetseba okumfamekisa umzali. Ndaza ndakuva zwindini lomntu opetya isalatha-ndlela nakubeni engayazi indlela!

Mandingayibethi ngoyaba ke into yokuba bakhona abanengqondo kubantwana bethu, kwaye uninzi lwayo ngabantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni.

Ndiyabomeleza ke abo, ndithi basisilumiso esihle nethemba kwingomso lolutsha ngokubanzi. Kwizifede nezityhifili ezo ke, ndithi nyawukani bantwana bam nenzakala. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.