Wenzeni uMbuyiseni Ndlozi?

UGqirha Mbuyiseni Ndlozi we-EFF. Umfanekiso: SABC

Ayakhula amarhe okuba akavunyelwanga ukuba azimase inkomfa ye-Economic Freedom Fighters (EFF) kwinyanga ezayo uGqirha Mbuyiseni Ndlozi ngenxa yesizathu esingekacaci.

Umbutho we-EFF ulungiselela ukuya kwenye yeenkomfa zalo mbutho ezibalulekileyo kweyoMnga, kodwa okungaqhelekanga kukukhula kwamarhe okuba uNdlozi akavunyelwa ukuba abeyinxalenye yale nkomfa.

Oku kulandela ukuhamba kwamalungu ekomiti elawula lo mbutho aquka uSekela Mongameli uFloyd Shivambu kwakunye noSihlalo uDali Mpofu.

Kucace ngamandla kona ukuba lo mbutho ujongene noqhokeko olungxamileyo ukusukela emva konyulo lwenyanga kaCanzibe walo nyaka.

Umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Levy Ndou uthi ngenene kungaqhuma kubasiwe kwiEFF.

Oonokrawuzana abangaphakathi kwiEFF bathi lo kaNdlozi akanikwa zizathu zokuba kuthiwe akavumelekanga ukuba abeyinxalenye yale nkomfa ibaluleke kangaka.

“Ukuthintelwa komntu ofana noNdlozi kwinkomfa ebaluleke kangaka kumele ukuba kwenziwa ngezizathu ezivakalayo, ezicacileyo ukuze kwaneliseke wonke ubani,” kutsho uNdou.

I-EFF ifumene iipesenti ezilithoba zeevoti kunyulo loMzantsi Afrika ngenyanga kaCanzibe, kwaye oku kubonakalise ukujika kwezinto kulo mbutho oneebharethe ezibomvu.

Kuthiwa ukungavumelani ngokuthatha inxaxheba kwalo mbutho kurhulumente wendibanisela kubangele ukungavani okukhulu kumalungu ekomiti ye-EFF.

“Ingxaki ngesi sigqibo kukuba abantu ngaphakathi nangaphandle kwe-EFF bangayitolika yonke le nto ngendlela abathanda ukuyitolika ngayo, ngoko iimpendulo zibalulekile apha,” kutsho uNdou.

UNdou uthi kungenezeka ukuba inkxaso kaNdlozi eninzi ngaphakathi kwiEFF ingangunobangela wokuba angavunyelwa ukuba azimase le nkomfa. Ayivakali ingxolo edla ngokuvakala kulo mbutho xa usiya kwinkomfa kazwelonke, oku kushiya imibuzo emininzi.

Ngeli xesha akulula kwiinkokheli ze-EFF ukuthemba, ingakumbu uMongameli walo mbutho uJulius Malema. Oku kungenxa yeengxaki ezambethe lo mbutho ukusukela ngenyanga kaCanzibe walo nyaka.