‘Wonde ngam uceba, endibetha’

INDODA yaseFingo eMakhanda, uAndile Mbeju, ubhenele kwabezomthetho kulandela amabango wokuba ubethwe ngenqindi wayokuwa phantsi emva kokungavisisani malunga nomsebenzi wokusanyentwa kwezindlu zikamasipala eFingo.

UMbeju uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba into ayibethelwa nguceba wendawo yakhe, uLuyanda Sakata, kukungavisisani malunga nekontraka yokusamenta izindlu zikarhulumente eFingo.

Kodwa Sakata uwaphikile la mabango, esithi uMbeju ufuna ukugqwalisa igama lakhe nanjengoko kusondele unyulo loomasipala oluza kubanjwa kunyaka ozayo.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa malunga noku, uMbeju uthe: “Impikiswano yam noceba iqale kweyoKwindla kulo nyaka apho sasithetha ngeprojekthi kamasipala yokusanyentwa kwezindlu. Uceba wathi ufuna amaxwebhu wam malunga nesikhundla kule projekthi eseSite Liaising Officer. Ndamxelela mna ukuba ndiza kulinda inkqubo yangokusesikweni kamasipala.”

“Emva koko sabona kufika oonokontraka bale projekthi kodwa asavisisana ngenxa yokuba aba nokontraka babengenankqubo ecacileyo yokuqesha abahlali kule projekthi.

“Sisajonge leyo sabona sele kuqala umsebenzi weprojekthi. Ndambhalela ndimbuza ngalo nto, ndambona esiza kum ezokundibuza ukuba yintoni ingxaki yam nale projekthi. Ndamxelela ukuba ingxaki yethu ikwindlela eqhuba ngayo iprojekthi,” kutsho uMbeju.

UMbeju uthi babone sele bengena oonokontraka bezokuqala nomsebenzi. “Kuqhubekile sabona kungena oonokontraka besebenza. Bathe xa bekufuphi nasekhaya ndayobabuza ukuba yintoni le bayenza kwindawo yethu.”

“Ngenye imini kufike uceba endaweni esithi kutheni ndigezela oonokontraka. Wathi akuzukuviwa ngam. Ndamxelela ukuba into emphazamisayo yile yoku,libala ukuba wangeniswa sithi esikhundleni.

“Kulapho wavela wonda ngam esithi ndiyamqhela, wandibetha ngenqindi lo ceba, wandikilibha ndawa, wandikhaba ebusweni. Zange ndilwe. Emva koko ndaya emapoliseni ndayokuxela isehlo,” kutsho uMbeju.

Eziphendulela uSakata uthe: “Akukho kwanto enjalo. Lo mfana ufuna ukucela umngeni wokuba nguceba. Wayezamile ukuba nguceba ngaphambili kodwa akakwazi. Ngoku uyabona ukuba kufike inkqubo yokonyulwa kooceba kwaye ufuna ukusebenzisa igama lam kakubi.”

USakata uthi akangomntu wamlo yena. “Ndagqibela ukulwa ndisesekhritshi. Andihambi ndibetha bantu mna. Siyazana nalo mfana, qha yena ufuna isikhundla kakubi esebenzisa igama lam.”

Inyewe kaSakata noMbeju isephambi kwabezomthetho eMakhanda.