Wonwatyiswa kukunceda abahlelelekileyo ona-12!

UAmahle unceda abantwana abangathathi ntweni

UAmahle Qomfo, oneminyaka elishumi nambini okwanguye nonobuhle waseMdantsane, uthi uphilela ukunceda abantu abahlelelekileyo.

Eli gqiyazana liqokelela imali ze liyisebenzise ekuncediseni nasekuxhaseni abantwana ngeempahla zesikolo.

Lo nobuhle wambeswe amatyeli amaninzi, kuquka uPre-Teen Face of South Africa, Elite South Africa kwakunye noHemingways Primary and High School’s Heritage.

Umama wakhe uZukiswa Qomfo uthi uyazidla kakhulu ngentombi yakhe kwaye belusapho lwakhe benza nantonina abanako ukuncedisana ngayo.

“Nje ngomama wakhe ndikubona kulixanduva kum ukuba njengoba engumntwana oyintombazana, kubalulekile ukuba ndimbonise uthando nenkxaso ukuze angayoyikhangela ngaphandle,” utshilo uQomfo.

Usebenza ngokusondeleneyo neAngels Orphanage Home, emveni kokubona imeko yala ndawo, uye wabhalela uRhulumente ecela inkxaso malunga nokuncediswa kwekhaya, ekuzixhamleni kwakhe uye waphendulwa nguSundale oye wanika iimveliso zederi.

Le ntombazana ikwaxhasa abantwana abanesiphene sentliziyo (Congenital Heart Defect), neGod’s Desire Children’s Home nalapho aye anikele ngempahla zakhe aphinde achithe usuku lwakhe lokuzalwa khona.

Usebenzisana no-Unako Ntshintshi kwiphulo leBrush To Live ekuqokeleleni iiBrashi (toothbrush) zamazinyo.

Uye wachongwa nje ngomnye wabangeneli be-International Arts Talent Showcase ebibanjelwe nge27-28 kweyoMsintsi eSilver Star Casino eKrugersdorp nalapho ebebonisa italente yakhe yokudanisa, ungomnye wabalishumi abakhethwe kwiThe Face of Arts Brand Ambassador ezakubanjwa nge-22 kweyoMqungu kulonyaka uzayo eNew York.

Usapho lwakhe luyabulela kakhulu eluntwini ngenkxaso kwaye nabani na angamvotela uAsemahle Qomfo ngokuthumela * -165 ku35701, umyalezo ngamnye uxabisa iR3.