Wophela ngaphakathi umbutho we-ANC eBCM

Nasiphi na isikhokelo esizakonyulwa kwinkomfa yolonyulo ye-ANC eBuffalo City kule mpelaveki, sinomceli-mngeni wokumanya umbutho, silungise amasebe nanjengoko kusiyiwa kunyulo loomasipala kunyaka ozayo.

Oku ke akululanga kuba iintanda kulo mbutho eBCM zikhula mihla le.

Kwiveki ephelileyo, amalungu athile kumbutho eBCM ebebambe uqhankqalazo kwii-ofisi zephondo eQonce, nalapho isinyanzeliso ibisesokuba mayirhoxiswe le nkomfa de kube kanti onke amasebe abandakanyiwe.

Umbutho we-ANC kwingingqi yaseBuffalo City uthi nokuba kunjani, inkomfa yengingqi yalo mbutho izakuqhuba kule mpelaveki.

Oku kuthethwe ngusekela-sihlalo wombutho kwingingqi uXola Pakati, ngethuba bekubanjwe inkomfa noonondaba kwii-ofisi zalo mbutho eMonti ngoLwesihlanu.

UPakati uthi, yonke imigaqo elandelwayo xa kuza kubanjwa inkomfa ilandelwe, ngoko ke inkomfa izakuqhuba. “Inkomfa iyaqhubeka apha eMonti, ngomhla weshumi elinesithathu (13) noweshumi elinesine (14). Imigaqo yonke siyilandele,” utshilo uPakati.

Ukuze iqhubeke ngokomthetho inkomfa yolonyulo eBCM, amasebe akumashumi amathathu anesihlanu, kufuneka anqwale intloko. “Ngenene amasebe akumashumi amathathu anesihlanu (35) ayanqwala ekubeni mayiqhubeke inkomfa,” utshilo obambele njengonobhala eBCM uMkhawuleli Maleki.

UMaleki uthi le nkomfa bekufanele ukuba iqhubekile ngoJulayi, kodwa ayakwazi kuba nanjengoko amanye amalungu ombutho athi afaka isikhalazo kusekela-nobhala kazwelonke uJessie Duarte. “Usekela-nobhala weza eBCM ekhatshwa nguMongameli uZuma, kwaxoxwa futhi sabe kanti siyavana,” utshilo uMaleki.

Umbutho we-ANC ukholelwa ukuba iqela lalo mbutho elithe gqolo ukubamba uqhankqalazo “ngabantu nje abanjongo ikukufezekisa iminqweno yabo.”

Umbutho we-ANC eBCM ungqinile kwiveki ephelileyo ukuba iiyantlukwano eziqhubeka kumbutho kule ngingqi, ziyawuxhalabisa umbutho.

“Oku kubangela ukudaleka kwesilonda sangaphakathi esixhixha ligazi (ukungavisisani). Kuyaxhalabisa kakhulu oku,” utshilo uMaleki.