World AIDS Day: UGawulayo usezandleni zethu

Minyaka le kubakho imigushuzo eyenziwayo ngomhla wokuqala kweyoMnga kwihlabathi jikelele ukuqaqambisa nokubonisa inkxaso kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo.

Ukanti kwiinzame zokulwa nesi sifo, aliqela amalinge athe enziwa ngurhulumente kunye nemibutho yabucala ukuthintela ukunwenwa kwentsholongwane kaGawulayo.

Umxholo wokuqaqambisa olu suku kulo nyaka uthi, “kusezandleni zethu ukuphelisa intsholongwane kaGawulayo nesifo sephepha”.

Ukanti uXolela Somahela, nongumlawuli ophezulu kwicandelo leHIV/AIDS kunye nezifo ezosulela ngokwesondo (STIs) kwisebe lezempilo eMpuma Koloni uthi kukho iintlobo ngeentlobo zonyango ezinikwa abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo ukunqanda ukunwenwa kwayo emzimbeni. Nangona ekhona la mayeza “alikho iyeza elinyanga intsholongwane kaGawulayo. La machiza enzelwa ukuthoba umthamo wentsholongwane emzimbeni nokwenyusa isibalo seCD4,” utshilo uSomahela.

Ngokwengxelo yesebe lezempilo, alishumi elinesithathu amayeza asetyenziswa ukukhawulelana nentsholongwane kaGawulayo ngokwemigaqo karhulumente waseMzantsi Afrika. La mayeza aquka i-Abacavir, Nevirapine, Tenofovir, Emtricitabine kunye neRaltegravir.

Kananjalo la mayeza ayohluka kukho lawo anikwa abakhulelweyo nabasancancisayo, kubekho lawo ancedisa ukuthintela ukudlula kwentshologwane kaGawulayo ukusuka kumama ukuya kusana, ze kubekho lawo asetyenziswayo xa umntu ethe wazifumana ekwimeko yokuchatshazelwa ligazi angalaziyo ukuba linayo na le ntsholongwane, umzekelo xa ubani edlwengulwe okanye ekwingozi, ze kubekho lawo anikwa umntu omdala kunye nomntwana ophila nentsholongwane kagawulayo.

Bukhona ubomi obude kwabo baphila nogawulayo okanye intsholongwane kagawulayo nanjengoko iingcali zisithi ukusetyenziswa kwezithomalalisi ngendlela efanelekileyo nokutya ukutya okunezakha-mzimba kungasindisa ubomi.

Inkulumbuso yephondo, uPhumulo Masualle uzakube eseMt Fletcher, eLundini, eqaqambisa ekwanika inkxaso kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo.