World No Tobacco Day: Siqwalasela ubungozi bokumpakuza!

Olu suku lwama-31 kuCanzibe, lusuku lokuqwalasela ubungozi becuba (World No Tobacco Day).

Sibuza abafundi bephepha kumakhasi onxibelelwano:

Ingaba uyatshaya okanye wayeka? Ukuba uyatshaya, zeziphi izinto ezimbi okanye ezintle onokusibalisela ngazo? Okanye ukuba wayeka, ungasibalisela uthini ngamava akho wecuba? Nazi izimvo zabafundi beli phephandaba:

Fish Mbane : Anditshayi, kwaye andisoze, ndizakumamela kula madoda ampakuzayo ke.

Mthuthuzeli MB KaBooi: Mna bendiyenza lo nto xa ndiseleyo kuba kuthiwa inkaw’za inyusa umqhelo, andifuni kuxoka bendiyonwabela kwaye ndiyibona nam ukuba iyawonyusa nyhani umqhelo i-entyi.

Kwathi ngemini eyodwa ndisazimisele nditshaya le entyi kuthiwa yiSwitch oyicofayo kuphume enye flavour ethile, ibengathi yilekese emnandi, ndagqibela ndigqibo cofa kuba ndifuna enye i-flavour kanti kukunkonka kwam. Iitshomi zam zandithatha zandihlalisa esitulweni, zathatha intloko yam zayibeka etafileni. Ndothuka emva kweeyure ezimbalwa ndingazi nowathwethwa, bathi mandiyeke i-entyi kuba ndinkonkile phandle. Ndandingabakholelwa, ndicinga ukuba bayaxoka, zahamba iintsuku isifuba sam asabi grand, if ndabhodla ndinukiselwa yi-entyi naxa ndikhohlelayo ndazixelela no more again!. @P.E, New Brighton

Ngezi Cromza: Nditshaya manqapha nqapha, okubi ngokutshaya kukuba ndiba nesiyezi ndakugqiba, ndizibuze ukuba benditshayelani ngoba andizuzinto nje.

Okuhle kukuba ndiye ndikhululeke ekusongekeni kwesisu ngakumbi ikhe ndampakuza eli linomsesana…icuba alinanzuzo

Sihle Kamthembu Mvundlela: Mna anditshayi futhi zange ndatshaya, basiphilisa kakubi abantu abatshayayo. Icuba linuka kakubi, fika benuka udaka lwesinqe apha emilonyeni yabo.