Wothule umqulu wezithembiso zoluntu uMalema

ITHEMBISE iinkonzo zasimahla inkokeli yeEFF uJulius Malema ngethuba lo mbutho usothula umqulu wezithembiso.

Ezi nkonzo ziquka izindlu zexabiso zabo bangathathi ntweni, iindlela, iinguqu kwizitalato ezithiywe ngamagama abacinezeli nezinye iinkonzo. “Sizokwakhela abantu izindlu ezimagumbi mabini okulala, ikhitshi, indlu yangasese egungxulwayo elilungelo hayi isibonelelo. Oomasipala beEFF bazakuba neenkampani zabo zezindlu ezizokwakhela abantu kwakunye ne-arente yendlela ezakulungisa, yakhe iindlela kwiindawo zoluntu.

Oku yenye yeendlela zokudala amathuba emisebenzi. Oomasipala abapantsi kweEFF bazakuba namaziko okuxhela imfuyo nto leyo izakukhuthaza uqoqosho. Bazakuxhotyiswa ngenkonzo yonxibelelwano iWiFi kwiindawo zoluntu ezifana neerenki zeeteksi neebhasi.

“Umzi ngamnye unelungelo lokukhetha umbane othengwayo okanye ohlawulelwa ngenyanga. Abangathathi ntweni abazukuhlawulela mbane namanzi. Ooceba abanobuqhophololo, abathengisa imisebenzi kwakunye nezindlu bazakugxothwa kulo mbutho.

I-EFF izakuqinisekisa ukuba oosomashishini koomasipala abaphantsi kwayo banika isabelo esingamashumi amane eepesente kubahlali beendawo abashishina kuzo.

Nokuba ufuna ukuqala umgodi, okanye uPick * Pay, uBoxer okanye uShoprite uzakuhlawula amashumi amane eepesente xa ufuna ukwakha indawo yoobhazabhaza bamashishini, lo mbutho awuzukubagxotha abamhlophe. Sithi qha kubo banomhlaba omninzi.Ooceba mabakhokele ngomzekelo, uceba ahlale kwindawo onyulwe kuyo. Lo mqulu wezithembiso ungentando yoluntu!” utshilo uMalema.