Xa kubaluleke inani kunomxholo

Kwiphepha lethu layizolo senze ngabom ukuba singagxili kumba wenani labantu abathe bazimasa umsitho wokuphehlelelwa komqulu wezithembiso zeANC. Sisenza njalo nje siqhutywa kukubona ukuba ibiyeyona nto ibisematheni kule mpelaveki siphuma kuyo.

Mhlawumbi ingxaki iqale kwisibhengezo sokuba okaKhongolose ubuzimisele ukulibetha ligcwale qhu ibala lebhola laseNelson Mandela Bay; bebelindele inani elipha kuma-100 000 abantu. Isithethi sasePalamente, umam’ uBaleka Mbete, uye wawuthethelela lo mba kwapha eqongeni; esithi lipha kuma-42 000 inani labantu abakhoyo, kwaye abanye bebebaleka ilanga kwizitulo ebezigeqeza zodwa.

Besiba iphelele apho, kodwa emva komsitho kuthe gqi izigxeko neengxelo ezilandelela lo mba wamanani abantu. Kufunwa iimpendulo kumasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay, kufunwa iimpendulo kuKhongolose wephondo, njalo-njalo. Sithethi ngasinye esibuzwa le mibuzo sithetha ngengxaki yezithuthi zikawonke-wonke ezingakhange zifike zonke. Bekulindeleke amawaka mawaka abantu ukuba bathuthwe zizithuthi zikawonke wonke zizokubabeka eBhayi. Oku kukuzibeka emgciphekweni ngoba sele sivile ngeengozi ezimbini ezisube imiphefumlo yabantu. Eyokuqala ibisendleleni eya eBhayi iphuma kula macala aseNgcobo. Eyesibini ibesendleni eya eRhawutini ibuya eBhayi.

Xa lo msitho uzakubanjelwa kwiphondo elithile bekunani ukukhuthaza abemmi belo phondo ukuba ibe ngabo abaphuma ngobuninzi babo? Xa sesiqwalasela amanani bekumele ukuba isininzi sabantu ebebe pha ngabaseBhayi.

Uyakufumanisa ukuba amawaka ngamawaka abantu ayirhabule kumabonakude nakunomathotholo le nkqubo kaKhongolose. Umyalezo usasazwe zwelonke kodwa sisathe phithi ngamanani abantu abangakhange baye ebaleni? NgoMgqibelo abantu baxakekile; yimingcwabo ngapha, yimitshato ngapha, yimisebenzi kwabanye iphinde ibekwalilo nexesha lokuphumla kwabanye. Noko, makungakhalelwa amanani, makuxoxwe ngomxholo nezithembiso ezithe zabhentsiswa nguMongameli Zuma.