Xa sikhuthaza ukuphuhla kwamabhinqa, asibumbi nje uluntu, sakha ihlabathi

Inyanga yamanina ihlala ibhiyozelwa minyaka le kwinyanga yeThupha, kwaye oku kubonisa ukuzimisela kwethu ngokwakha isidima nesithozela sabantu basetyhini singakuyekanga nokulwela amalungelo wabo ayintsika yokhuseleko, ukungaqhatheki kunye nokuphila kwihlabathi elinoxolo.

Ngeli thuba enyakeni sihlala sizibuza ukuba ingaba amabhinqa adinga inyanga ethile ukuze bawongwe kwaye bakhathaleleke okanye kumele bahlale bekhuthazwa ukuba bathathele idyokhwe kubo ntsuku zonke.

Impendulo isele kwindlela ekwenzeka ngayo izinto kunye nemmo yentlalo esizibona siphila phantsi kwayo kula maxesha. Nangona amabhinqa eqhubeka ukugqobhozela ngapha kwabo bonke ubunzima, kusaqhubeka ukubonwa amabhinqa njengabantu ekumele bathobele kwaye bahlale belandela bekwinqanaba elisezantsi kunela madoda.

Kuyinkuthazo ukubona amabhinqa eqhuba kakuhle kwimisebenzi eyayikade ngaphambili ibonwa njengefanele amadoda, oku kubonisa ukuba njengelizwe uMzantsi Afrika, sinyathele emgceni osisa kwimpumelelo yokuzuza ubulungisa nokulingana.

Kwiindawo ezininzi zempangelo, ukusukela kumashishini amakhulu ukuya koomasipala nakwiintlangano zabaphathi bamashishini, amabhinqa ahlala ezibonakalisa kwaye amanani amabhinqa axhuzula imikhala emisebenzini ayenyuka ntsuku zonke.

Kodwa naxa kunjalo, usemninzi umsebenzi osafuna ukwenziwa. Kusenomgama ekumele siwunyathele khona ukuze sisondele kwilixa apho amabhinqa anikwa imisebenzi ngokwengqingqo abanayo kumsebenzi lowo kwaye oko kumele kuqinisekise ukuba bayakhula. Kulugcobo ukuqonda ukuba abantu basetyhini balixabiso emisebenzini kwaye bakrelekrele.

Kuninzi okuncomekayo kodwa kusekhona imiba etsalela kwelayo icala ukucothisa ubulungisa nokulingana phakathi kwamadoda namabhinqa. Imiba leyo iquka, ipolitiki, amandla okuphatha kumashishini kunye nokunikwa umsebenzi obonwa njengofanele amabhinqa odwa.

Ingcali yemiba yasekuhlaleni, ithi xa icacisa isizathu sokuba kuphethe amadoda kwiindawo ezininzi, ithi: Indlela amadoda aphatha ngayo amashishini inefuthe lokuphatha–Ngokwegunya lokugxeka, Ukuyalela kwakunye Nokulawula.

Noxa kunjalo emadodeni, kumabhinqa indlela yokuphatha amashishini inefuthe lesiphiwo sokuyila, Unxulumelwano kwakunye nentsebenziswano.

Le ndlela yamabhinqa yokulawula amashishini iluncedo kakhulu ukwakha amashishini anekamva eliqaqambileyo. Ukuyalela nokulawula akusabalulekanga kakhulu emashishinini.

Ihlabathi apho amabhinqa ebekwa emva aliphelelanga nje ekungalinganeni kodwa likwaswela ubulungisa- lihlabathi elingenanyaniso. Ingaba ihlabathi lingaze liguquke kwisimmo nakwindlela elibonakala ngayo?

Ndiyakholwa ukuba inguquko ingazuzeka. Sime kwixesha elibalulekileyo kakhulu ngokwemvelaphi yethu. Kwaye kwithuba elinje luninzi utshintsho olunokwenziwa.

Apha yindlela yokuzuza utshintsho:

* Ukutshabalalisa izinyembo ngakubantu abangamabhinqa;

* Qaphela ukuba amabhinqa ngawo aphuhlisa amakhaya ukunika ikamva elincomekayo kwiintsapho, kwiingingqi kunye nokuphuhlisa izakhono esizidingayo kweli lizwe;

lBanike umrholo ofanelekileyo, khona ukuze bakwazi ukuziphilisa kwaye batshabalalise intsokolo;

* Banike amaxesha okusebenza avumela ithuba labo lokukhulisa abantwana kunye nokunakekela abazali babo;

* Nika amabhinqa lonke ulwazi abaludingayo ngomsebenzi wabo kwaye ubamkele ngezandla ezishushu;

* Fumana amabhinqa azakukhokela kwiqela elithatha izigqibo kwishishini lakho. Bakhulise ukuze nabo babengabaphathi bangomso;

* Xhasa impumelelo yabo kunye nemivuzo yabo

* Banike inkxaso khona ukuze bakwazi ukusa abantwana babo kwizikolo zexabiso ngamaxabiso afikelelekayo;

* Banike amathuba okuziphuhlisa; Baqhwabele izandla ingakumbi abo babonisa iitalente, ubukrelekrele kwaye nokwakheka;

* Bakhuthaze ukuba baphathe kwizikhundla eziphezulu kuzo zonke iintlobo zeeOfisi eziquka ezikamasipala kunye nezamashishini abucala;

* Kuxhase ukugqwesa kwabo;

* Bafundise ingakumbi ngemiba ebalulekileyo kwilizwe; * Xabisa iimbono zabo. Ukuxhasa ukuphuhla kwamabhinqa kubonisa ukubaluleka kwamalungelo asetyhini njengenxalenye yomphakathi wethu.

Kumele sihlale sikukhuthaza ukuhlonitshwa kwabafazi kwiindawo zonke abazifumana bekuzo kwihlabathi liphela.

Namhlanje, ukunika amabhinqa amandla nefuthe lokuphatha kusisiboniso sokwakha ihlabathi elikhululekileyo nelonwabileyo.

Urhulumente weMpuma Kapa uzinikele ekubekeni abantu basetyhini phezulu kwaye banikwe amathuba alinganayo ekuhlaleni, kwipolitiki, kwezomthetho kunye nakuphuhliso lwezemali.

Njengokuba sibhiyozela inyanga yamanina, masikhumbule ukuba ingomso lethu lixhomekeke kwindlela esiyilola ngayo italente yabantu beli lizwe.

Xa sixhasa onke amanina, ngaphandle kwamathandabuzo sibumba uluntu kwaye sakha ihlabathi.

uPhumulo Masualle YiNkulumbuso yePhondo leMpuma Kapa. Ungaxhomana naye kumaqonga onxibelelwano uTwitter

@EC_ Premier kunye naku Facebook ungu Masincokole.