Xa ufunwa ufumaneke, uMvenya ubongoze uMabuyane

Inkokheli yeqela leATM uVeliswa Mvenya kwiPalamente yePhondo eBhisho Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ILUNGU lombutho iATM kwiNdlu yoWiso Mthetho eBhisho, uVeliswa Mvenya, ubongoze iNkulumbuso entsha uOscar Mabuyane ukuba afumaneke xa efunwa ngabahlali. 


UMvenya ebethetha eBhisho ngoLwesithathu, ngethuba kufungiswa amalungu ePalamente yephondo, kuquka noMabuyane njengeNkulumbuso. 

“Into endicela uyiqwalasele kukuba ufumaneke efowunini xa sikufowunela. Futhi umnyango weOfisi yeNkulumbuso ndicela uwuvule ukuze ufikeleleke ebantwini,” utshilo uMvenya. 

Yena uNqaba Bhanga weDA, uxelele uMabuyane ukuba baza kuthi gqolo ukumbuza ngezinto ezifuna impendulo kuyo, watsho esithi umthatha njengokuba ngumhlobo nobhuti wakhe. 

“Sifuna ukuba uqinisekise ukuba iimfuno zabantu bephondo zibekwa phambili,” utshilo uBhanga. 

UYazini Tetyana okhokela iEFF eMpuma Koloni uxelele uMabuyane ukuba bafuna aqwalasele uqoqosho ingakumbi iindawo ebezifudula zinemizimveliso. 

UMncedisi Filtane weUDM ukhumbuze uMabuyane ngendlela olubhange ngayo uqoqosho lwaseMpuma Koloni, esithi eli phondo “yintlekisa” kwamanye amaphondo. 

Ephendula uMabuyane, uthe urhulumente wakhe uza kubeka iimfuno zabahlali phambili, watsho esithi amagosa karhulumente arhuqa inyawo aza kuchopha ayichaze. 

“Bonke abantu abenza okugwenxa baya kuzimela ngenkqayi elangeni,” utshilo uMabuyane. 

Uthi ubuqhophololo nobuqhetseba abunikwa ndawo phantsi kwesikhokelo sakhe. “Abantu xa beyiqhelile into siyayazi ukuba kunzima uyiyeka, bazorhawuka ke ngumlilo wokulwa ubuqhetseba.” 


—