“Yazi nina apha eMzantsi aninabo ootitshala; ninamahombakazi nje azikrwitsha ngamatyala. Abanalo nexesha eli lokufundisa abantwana!” kwakhe kwatsho usomashishini wasePakistani onguSalim osele ehlala eQonce.
Wayebonakala ekhathazeke mpela lo mfo esithi yena usebenza nzima ukuze abakhe abantwana bakwazi ukungena kwizikolo zabucala eRhini. Ngelakhe abantu abaNtsundu abayixabisanga tu imfundo.
Apho asivumelani naye; uninzi lunomnqweno wokubona umntwana ethweswa isidanga ukuze afumane umsebenzi. Apho iye imoshakale khona yonke le nto kuxa umntu efunde wafunda waze wabuyela ekhaya esithi akakwazi ukufumana umsebenzi.
Kule veki iphelileyo sibhale ngokutshiswa kwezikolo eVuwani kwiphondo laseLimpopo. Into engangamashumi amabini yezikolo zitshisiwe. Namhlanje njengokuba sivuka sisiya emisebenzini, sisisa abantwana ezikolweni, njalo njalo, eVuwani bazakuvuka bathi nantsi intoni abantwana besikolo? Ngamawaka ngamawaka abantwana abangazokukwazi ukuya esikolweni. Mhlawumbi ezinye zingenza izibonelelo kufundiselwe naphandle. Ingxaki yeyokuba kutshe neencwadi kweza zikolo. Ithiwani into enje?
Xa sijonga nakurhulumente kusabonakala umothuko kukho nokurhanela unyawo lwemfene. Xa umntu eqhankqalaza uphumela njani ezikolweni? Impendulo ikwixabiso lemfundo nendlela abantu abayibona ngayo ngoku.
Izikolo zezinye zeendawo ekubonakala ngathi azibancedi abantwana koomaLimpopo nalapha eMpuma Koloni. Kroba nje inani labafundi abaqhuba kakuhle kwiziphumo zebanga leshumi.
Lisezantsi. Baphelela phi abo bantwana bangapasanga? Baziva njani ngezi zikolo zingakwazanga ukubaxhobisa ngolwazi nemfundo enokubabona bexhamla kubomi obubhetele? Abanye baba bantu batshisa ezi zikolo ikwangabantu ababefunda kuzo.
Lilonke bayalazi ixabiso lale nto bayitshisayo. Alikho ‘Kubo’, yingozi ke le. Singayibona inwenwela nakwezinye iindawo le nto yokutshiswa kwezikolo.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro