Xhakamfula nali ithuba loqeqesho

Inkampani yakwaTechnoserve ibambisene neCiti Foundation banikezela ngeebhasari ezingamashumi amathandathu kubafundi abagxile kwizakhono zobuxhakaxhaka be-eletronike kunye nezoshishino.

Phantsi kwenkqubo ebizwa ngokuba yiYouth Ideas Development Program (YID), ezi nkampani zimema ulutsha olusuka eMdantsane, Soweto naseGugulethu ukuba lufake izicelo phambi komhla wama20 kweyoMnga.

Ukuze wamkelwe kule nkqubo kufuneka ube ngummi woMzantsi Afrika ophumelele ibanga leshumi.

Isicelo sakho masikhatshwe yincwadi emagama angama300, nalapho kulindeleke ukuba ucacise izizathu zokuba kutyunjwe wena. Abachongiweyo bayakufumana uqeqesho lonyaka wonke kwizifundo ezibandakanya ukwenziwa nokulungiswa koomatshini be-elektronike, baze banikwe nethuba lokusebenza kwiinkampani eziphantsi kweqonga leInformation and Communications Techonology.

Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe ngale nkqubo, ndwendwela umnatha wabo weintanethi ngokuthi utyelele iYouth Ideas Development Program kwiFacebook.

Qaphela, kufunwa kakhulu abantu abaneengcinga neenjongo zokuziqalela amashishini abo.

Thumela isicelo sakho ngomnatha kwezi dilesi :

Tlentsoana@tns.org okanye

Tdichabe@tns.org , kwisihloko bhala Isolezwe YID, emva koko uqhabalake ngezizathu zokuba kutheni kumele kuchongwe wena.