Yalile ukuthengisa ngeWadi iANC

 Noxa nje iANC ibigutyungelwe yiyantlukwano ngenxa yokungavisisani ngomgqatswa ofanele ukungenela unyulo lovalo-sikhewu kwaWadi 27 eBuffalo City, lo mbutho ukwazile ukuyiphumelela le Wadi usohlula iDA ebisele iqinisekile ngoloyiso.

 

Olu nyulo belubanjwe ngoLwesine kuvalwa isikhewu soceba obegxothwe yiANC.

 

Eyona nto ibingunomji kumalungu eANC ibikungavisani ngomgqatswa uBoy Boy Kalani, apho amanye amalungu eANC ebekholelwa ukuba ayamnyanzelwa lo kaKalani yiANC. Amalungu eANC kule Wadi, equka iGonubie, ebefuna Vuyisile Hokisi.

 

Ngenxa yoku, amanye amalungu eANC ebesithi azakurhoxa ekuthabatheni inxaxheba kolu lonyulo, esithi axolele ukuba iphunyelelwe yeminye imibutho le Wadi.

 

Kodwa iANC ikwazile ukuyiphumelela le Wadi. Usihlalo weANC uOscar Mabuyane ubhale kuFacebook wakhe ebulela amavolontiya alo mbutho ngokuqinisekisa ukuba le Wadi ihlala kwiANC.

 

“Siyavuyisana namalungu eANC ngokuqinisekisa ukuba le Wadi ihlala kwiANC. Sithe gqolo ukugcina imbali yethu yokungohlulwa kunyulo lovalo-zikhewu. Enkosi siyabulela ANC,” kubhale uMabuyane kuFacebook.

 

Inkokeli yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga uthi noxa nje bengayiphumelelanga le Wadi kodwa bonelisekile kukukhula kwenkxaso yabo kulo mmandla. 

“Siyambulela umgqatswa wethu uVusi Jako ngokuqhuba ngendlela eyonelisayo kolu gqatso. Yonke le nto isiqhubela kakuhle kunyulo luka2019,” utshilo uBhanga.