Yamkele amalungu amatsha iDA

UMBUTHO wezopolitiko noliqela eliphikisayo eliphambili kundlunkulu epalamente I DA-[Democratic Alliance], uye wathabathela kuwo amalungu angaphaya kwamakhulu amane [400] wombutho weANC eMbekweni eVetlisi (Whittlesea).

La malungu amkelwe ngezandla ezishushu kule veki iphelileyo ziinkokeli zalo mbutho eziquka uVeliswa Mvenya noCeleste Barker.

UMvenya ongusihlalo walo mbuto ephondweni uthe: “Ndiyafuna ukunikhuthaza ngelithi, kufuneka niphume iphulo ukugayela lo mbutho amanye amalungu. Inyathelo enilithathileyo libaluleke kakhulu. Silapha ukuze sizise iinguqu kumntu wonke.”

Utyatyadule ebonisa iingxaki eziphakathi kwabantu beli loMzantsi Afrika neendlela ezingalungiswa ngayo.

Imfundo kunye namathuba emisebenzi zezinye zezinto athe wabonisa indlela eliqela elizimisele ukuziphucula ngayo.

Abantu balapha abanamanzi aneleyo, idama i-Oxkraal Dam elilapha linamanzi kodwa abakwazi ukuwasebenzisa ngenxa yokwaphuka kwematshini yokucoca wona.

UBarker uthe: “Amanzi akhona kwi- Oxkraal Dam kodwa umbutho olawulayo awubancedisi ekubeni bafumane amanzi acocekileyo. Le nto ibonakalisa ukungabinankathalo kwabo kuba la manzi asetyenziswa ekunkcenkcesheleni kuKomani.”

Ozigqatsele ukubanguceba kwakweli qela kwaWadi 21, uMsuthukazi Mdekazi uthe: “Siziva sikulungele ukulawula singulo mbutho. Sinezicwangciso ezijonge ukuzisa ukuphuculwa kweenkonzo kuluntu ngokubanzi. Lidlule ixesha lokudlalisa ngabantu.”

Obesakuba ngusihlalo wesebe leANC, nokreqele kwiqela iDA uMbongeni Matila uthe: “Ndijonge phambili ekwakheni eli lizwe nokuthi abantu bafumane inkathalo kuthi thina zinkokheli. Umbutho olawulayo wohlulakele kukufeza izithembiso. Ithemba ebantwini liphelile, kufike ithuba lokutshintsha kwezinto.”