Yamkelekile iKomishini kaXaluva eMpuma Koloni

IiNkosi neenkokeli zokuhlala ziyamkela ngezandla ezishushu ikomishini ejoliswe ukuphakamisa, ukukhusela amasiko, iinkolo neelwimi zeli.

Le komishini isendleleni eza kweli leMpuma Koloni ukuza kwenza uvavanyo-zimvo zoluntu malunga nezothe lokubhubha kwabakhwetha kweli phondo nakuzwelonke.

Ingxelo ithi ngamaphondo amathandathu eli ekuza kuqhutywa kuwo olu vavanyo-zimvo.

Ecacisa ngale nkqubo, usihlalo wale komishini uThoko Mkhwanazi-Xaluva uthi bagunyaziswa ngumthetho ukwenza oku.

“Ligunya lethu ukuba xa kukho isiko elingahambi ngendlela sithathe amanyathelo, ngoko ke sizakuya kumaphondo amathandathu elizwe siphulaphula izimvo zoluntu ngokubhubha kwabakhwetha,” ucacise watsho uXaluva.

Usihlalo wendlu yeeNkosi zemveli kweli uNgangomhlaba Matanzima, uthi abanangxaki nokusebenza kwale komishini ngeli siko.

“Mna andiboni ngxaki ngalo msebenzi wale komishini kuba injongo yabo kukukhusela isiko lokwaluka, kwaye ke umgaqo-siseko uyabavumela,” utshilo uMatanzima.

Uthi kungakuhle ukuba le komishini ingathetha nabona bantu bangunobangela wale ngxaki ephondweni.

“Kufuneka amakhankatha, iingcibi nabo bonke abachaphazelekayo ukuba baye kufika kule komishini bachaze abakwaziyo,” utshilo.

UXaluva uthi bazakunika wonke ubani ithuba lokuba azithethelele kule komishini xa isenza uvavanyo-zimvo.

“Siza kunika amakhosikazi, ulutsha, abantu ababhujelwe ngabantwana ngenxa yale ntlekele, nabo bonke abanye abachaphazelekayo apha esikweni,” uthethe watsho uXaluva.

Injingalwazi edla umhlala-phantsi kweli leMpuma Koloni, uWandile Kuse, uyangqina ukuba ikhona imfuneko yolu vavanyo-zimvo.

“Kufuneka ukuba baqinisekise ukuba banendlela ecacileyo yokufikelela kuye wonke ubani ochaphazelekayo kule meko, ukuze kungabikho zinto zisilelayo emva kokuba bequkumbele,” ucacise watsho uKuse.

Le njingalwazi ithi olu vavanyo-zimvo kufuneka lushukuxe banzi umcimbi weminyaka yokwaluka kwala makhwenkwe kuzwelonke.

Iphondo leMpuma Koloni lihambe phambili ngamanani wabantwana abathe babhubha kuDisemba wonyaka ophelileyo njengeminyaka engaphambili.

Ingxaki yokubhubha kwabakhwetha ibisoloko ithwaxa ngamandla ingingqi yase OR Tambo, kutsha nje iqhambuke naseChris Hani, Alfred Nzo nase Joe Gqabi.

Ingxelo ithi amaphondo azakuchaphazeleka aquka iRhawuti, Mpuma Koloni, Mntla Ntshona, Freyistata, Limpopo neNtshona Koloni.

Umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli kweli, uFikile Xasa, kunyaka ophelileyo utyhole amaqondo aphezulu obushushu ngokuba ngomnye woonobangela wokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni.

KweyoMnga koka-2015, ngabantwana abangamashumi amane anesithandathu abathi babhubha eSuthwini kweli leMpuma Koloni.

siyabulela.mqikela@inl.co.za