Yayaphi na imidlalwana yethu maXhosa?

Ndihleli kwigumbi lokuphumla, ndibukele inzala yethu maNgwevu kwanesizukulwana seli khaya.

Bonke bahleli phambi komabonakude, kubukelwe ii-filim zabantwana, maxa wambi umana ucinywa loo mabonakude kufakwe izixhobo ze-play station, kudlalwe loo midlalo yokhuphiswano ingenasiphelo, kumana ukutshintshiselwana, ngelo xesha lonke ke kuhleliwe endlwini, akusadlalwa phandle. Emva kokubukela loo mabonakude nokudlala loo midlalo ye-play station, umbuzo ngowokuba ingaba loluphi ulwazi olufundwe nguloo mlisela nomthinjana wakowethu kwezi zinto?

Ndiwubuzile lo mbuzo apho kubo, suka abantwana bayana ngamehlo, bathetha into engavakaliyo, bambi basuka badumzela nje bembombozela, kucaca ukuba abayazi eyona nto bayifundileyo kuloo midlalo.

Ndithe xa ndiqwalasela kwaba bathe dlundlu ngeminyaka, ndafika bonke bona beqondele phantsi, amehlo neengqondo zizinze kwezo fowuni zabo zinamagama amakhulu, bambi bexakeke kuFacebook, bambi bethiwe fixi yimiyalezo engenasiphelo namfundiso kuWhatsapp, bambi bebuka izinto ezihamba namahlazo nolwimi olunezithuko kuTwitter, kubekho ke nelo qaqobana lalixakeke okooxam bephaxulana kwezo fowunindini kudlalwa imidlalo yokhuphiswano ekwezo fowuni.

Nakweli inqanaba ndibuzile ngeemfundiso zale mijelo yonxibelelwano ikwezo fowuni, iimpendulo zeza nzima. Bambi bathethe ngokuphuhlisa isakhono sokunxibelelana nabanye abantu, bambi bamisa ngokuzuza ulwazi lwezinto ezenzeka kwezinye iindawo nakubanye abantu.

Xa kunje ke mawethu ndinambuzo uzingileyo engqondweni yam, osuka ube nokuyixhalabisa uyidandathekise kwale ntliziyo yam, ibe ibuthathaka ke kakade. Ngowokuba xa imidlalwana yabantwana bethu ingatsolanga ngokuphathelele kwimfundiso yayo, siyini na isizathu sokuyeka okanye sibeke kwelokulibala imidlalwana yethu yemveli?

Leyo kaloku yimidlalwana eyayisonwabisa ngokumangalisayo, eyayigxile kumanyano nemvisiswano yabo badlalayo ngaphezu kokugxininisa ukhuphiswano, kuba kaloku sazi sonke ukuba ubukhulu becala, ukhuphiswano ngunozala wentiyano, indelelo nokungahloniphani.

Abo baba nethamsanqa lokudlala imidlalo yemveli, njengathi aba, bathi bewungena umnyango wesikolo babe sebephaphile kwaye bekrelekrele kakhulu, bekulungele ngokungathandabuzekiyo ukumelana nemingeni yemfundo yasesikolweni, kuba kaloku isiseko semfundo bebesele besifumene kwatanci kwezo ntsomi zoomakhulu, kuloo mabali ootatomkhulu, nakuloo midlalwana yemveli iphuhlisa ingqondo ikhuthaze nengqiqo.

Ndinga ndiyazibona iintombi zakowethu kwanamantombazana zihleli kweso sangqa singesikhulu kuyaphi, kuthiwene nca, bambi bebambene ngezandla, uve kumana kubuzwana ngegangqa, ilitye lokukhupha nokufaka amanye kweso sangqa sizotywe emhlabeni xa kudlalwa upuca.

Loo matye ayemana erhugulwa ngaloo gangqa ithiwe qhiwu ngeminwe yesandla, ikhutswe ize ifakwe kweso sangqa.

Ngokomthetho waloo mdlalwana ke kwakufuneka kuqale kukhutshwe mhlawumbi abe lishumi, kuhliwe njalo ngamanani kude kufikwe kwelokugqibela.

Ngamanye amaxesha lowo udlalayo ayalelwe ukuba akhuphe aze ahlule amatye amabini okanye amathathu kwamanye, awakhuphele ngaphandle kwesangqa, ngeli lixa afaka lawo aseleyo kwisangqa. Ndiqinisekile mlesi uyabona ukuba eyona mfundiso yalo mdlalo zizibalo, ukusebenzisa ngobuchule amehlo, izandla nengqondo, zitsho ezo ntombi zifike esikolweni sezikwazi ukubala.

Nango amakhwenkwe emi phezu komgca othe qelele, kubekwe amapetyu (amabhastile), loo mabhastile emana ukuphoswa agityiselwe kwamanye, athi lowo uchane amanye, lawo awachanileyo ibe ngawakhe.

Ngamanye amaxesha loo mapetyu ebephoswa aqengqwe phantsi ethunyelwa emngxunyeni owombiwe qelele, ukuze lowo ufake elakhe kuqala, anikwe ilungelo lokudubula kulawo abekwe phantsi, lawo awachanayo ibe ngawakhe. Apho kwakufundwa isakhono sokuchana, ukusebenzisa ingqondo ngokuzinzileyo, ukujongisisa, nokuba xa usebenze ngokugqibeleleyo, uyazuza.

Ngubani na onokumlibala unochelezi, umdlalo apho ekwakuzotywa kuwo emhlabeni iifestile ezintandathu, kubekwe ilityana elimthebelele phantsi, liqhutywe ngeenzwane kunganyathelwanga migca yeefestile, okanye ilitye elo lingakhange lime phezu komgca, ukuze wakugqiba uwelele okanye unyuselwe ukuba uye kwinqanaba elingentla lomdlalo, kungenjalo uwaphumelele onke amatye abanye xa uthe wadlala ungaphazami. Isakhono sokuxhathisa, ukuqwalasela nokusebenzisa uthungelwano lwamehlo neenyawo sasigxininiswa kulo mdlalo. Nesakhono sokulungisa iimpazamo zelixa langaphambili, sasigxininiswa kwapha.

Nazo iintsana zethu ebaleni, kude kufuphi nobuhlanti nesitiya, zidlala ugquphu, kumana ukutsitya-tsitywa kuloo ntambo, ukuze lowo uthe wakwenza oko ilixa elide engayicimi okanye engayinyatheli loo ntambo, abe ngophumeleleyo. Zazizilolonga ngokukhethekileyo kuloo mdlalo, zomelele kuwo, zifunde kuwo ukusebenzisa isakhono sokutsiba ngengqiqo, ukuxhathisa nokujongisisa ngamehlo.

Nango amakhwenkwe esalusa ezindle, zithi xa zibuya kusela ezo nkomo zinco, zirhwanqa, amakhwange, amabramani, amaveliti kwanezo zirhwexu, uwabone ehlala phantsi komthi, cebu kuhle kwelo chibi zisela kuzo iinkomo, kusenziwa amaqashiso. Bambi babeqala ngokuthi “qashi qashi ndinanto yam…, baze abanye bathi “ndinarayirayi…”, kwenziwe olo hlolo lumnandi ezindlebeni lubhekiselele kwizinto zendalo, izixhobo zokusebenza kwaneempawu zezinto ezisingqongileyo.

Kuloo mdlalo wamaqashiso noorayirayi iintsana zethu zazifunda ukukhumbula, ukuthelekelela, ukuhlala ziqwalasela indalo nokusingqongileyo, kwanokugcina ulwazi oluphangaleleyo ngengqondo. Zazisithi zakufika ezikolweni zitshotshele entla kwizifundo zendalo (Jiyografi) nembali (History) ezo ntsana zakowethu.

Mawethu, masibakuthazeni abantwana bethu babuyele kwimidlalo eyayingakhuthazi ubulolo, ukuba likheswa nokukhuphisana, koko sibabuyisele kuloo midlalo yayikhuthaza umanyano, ukusebenza ngokwamaqela nokuphathisana.

Mhlawumbi kule mihla yeteknoloji, abo bangoosaziwayo beteknoloji bangayibuyisa le midlalo kusetyenziswa izixhobo nezixokelelwano zale mihla, ukuze kutsalwe umdla wenzala yethu. Imidlalo yethu yemveli yayijolise ekwakheni isizwe, intsebenziswano nomanyano, kwaye yayiphuhlisa ukusetyenziswa kwengqondo yemveli.

Elam lithi kwaqal`ukonakala mhla kwafik`umabonakude kweli lakowethu ngalaa mnyaka ka-1978. Aphel`amathemba mhla kwafik`iifowuni zepokotho zihamba noMXIT, uFACEBOOK, uWHATSAPP, uVIBER nemidlalwana yezo fowuni. Aphela mhla kwangena izixhobo zonxibelelwano ezihamba noTWITTER obonisa iintsana zethu izimanga ek

wazikrobisa nakwiimfundiso ezif’amanqe.

Buya puca, gquphu, nochelezi, qashi-qashi, nawe ndize kuphuhle izakhono zokukhangela, ukufunisela nokwenza uphando kumzi kaXhosa.

Tshangisa!